Inkuthazo izamacala kubafundi bakaGrade12

Musa Sebugwano weCAA, nootitshalakazi kwakunye nabafundi abawongiweyo. Abafundi nguLinomtha Sonamzi, Kamvelihle Swaartbooi kwakunye Mihle Mntuwapi: UMFANEKISO: CAA
Musa Sebugwano weCAA, nootitshalakazi kwakunye nabafundi abawongiweyo. Abafundi nguLinomtha Sonamzi, Kamvelihle Swaartbooi kwakunye Mihle Mntuwapi: UMFANEKISO: CAA

ICommunity Action Africa (CAA) inike abafundi bakaGrade12 baseEnoch Sontonga High School izetifikethi kwakunye nezixhobo zokufunda ngeenzame zokubakhuthaza nangakumbi kwizifundo zabo ingakumbi bejongene nexesha elinzima elokuchophela iimviwo zokuphela konyaka.

ICAA, sukela ngo2016 iqale iphulo layo lokukhuthaza abafundi ingakumbi abo benza ifundo zezibalo kwakunye nezenzululwazi, iMaths neScience ngamanye.

UMusa Sebugwawo weCAA eMpuma Koloni uthi, “Oku kuwonga ababafundi kuyindlela abababulela ngayo ngendlela abathe abafundi bazinikela ngayo besebenza nzima phakathi enyakeni nokubakhuthaza kwiimviwo abazokuzicophela ekupheleni kwale nyanga,” utshilo UMusa.

Iimviwo zizakuqala ngomhla we30 kule nyanga sikuyo uOkthobha, elokugqibela iphepha lingomhla wesihlanu (5) kuDisemba.

Abazali kwakunye namalungu ebhodi iSGB ukutsho nazo bezizimasile lo msitho waseEnoch Sontonga High School.

Umzali nogama lakhe linguNomakhosazana Stuurman nongumama kaAmahle omnye wabafundi abathe baxhamla, uthi izinto zatshintsha kwaye nezinga liphakamile ngendlela yokufundiswa kwabantwana, uthi into ilele ebentwaneni ngoku kwinkxaso abayinikwayo.

Kulonyaka iCAA incedisane nabantwana abayi65 abenza uGrade12 abasuka kwiilali zaseNcerha naseNdevana kuba isithi ifuna kube lula xakufike ezi mviwo.

ICAA ngumbutho ozimelelyo ojongene nokuncedisa kwanokuphlisa abafundi abangathathintweni.