‘MOLO’ kutsho uDumza Maswana ngomso kuMngqungqo eMonti!

Uyabulisa uDumza Maswana ngenye yeengoma zakhe azakube eyolisa ngayo uluntu eGuild Theatre eMonti ngoMgqibelo, kumsitho UMngqungqo Orchestral Experience.
Ungaphoswa eGuild Theatre eMonti ngomso (Mgqibelo) ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya kuMngqungqo Orchestral Experience.

Owaziwa ngengoma ethandiweyo kaMolo kwiJazz uDumza Maswana noyinzalelwane yaseNgqushwa eMpuma Koloni, uzakube esonwabisa uluntu ngelo lizwi lakhe lingqokolayo neliyolisayo kwabanintsi ngomso ngoMgqibelo eGuild Theatre kumsitho obizwa ngokuba Umngqungqo Orchestral Experience.

UDumza uzakube ejuxuza nebhendi yakhe, uNtsika weqela iThe Soil, uLikhey Booi kwakunye neqela lomxhentso iLulutho Institution nalapho umsitho lo uzakube ubhexeshwa ngumsasazi weMetro FM uNothemba Madumo.

“Ndifuna ukuvelisa inkcubeko yam ngokomculo kwanokuveza ubumna bam kwanenkolo yam ngomculo. Ndifuna ukwenza iilwimi zethu zibeyifashoni,” utshilo uDumza.

Lo mnyhadala kaDumza ungomso izakube ingowesibini ebuye kwilizwe laseIndiya apho ebeyinxalenye yeqela yeemvumi iG20, neye yabangela ukuba lo mnyhadala ushenxiswe ubekule nyanga kaOkhthoba.

“Umngqungqo Orchestral Experience nowawulindeleke ukuba uqhubekeke nge19 kaAgasti, zange uqhubeke kuba ndandise Indiya kumnyhadala omkhulu nendandingenawukwazi ukuwuphosa. Ndiyaxolisa ngokuzithoba kubalandeli bam ingakumbi abo babesele bethenge amatikiti,” utshilo uDumza.

Le mvumi ikwabulele nenkxaso ayifumana kubathandi, abaxhasi nabalandeli bakhe.

Amatikiti ayafumaneka emnatheni (webticket) kwaye sele eshokoxekile, afumaneka ngeR600, xa nibabini yiR1000. Amatikiti eVIP sele ethengiswe aphela. Umnyhadala uyaqala ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya.

Wamkelekile ukunxiba iqhina elimnyama njengoko nomnyhadala ubizwa nge “black tie experience.”