Inkwenkwana iyathuthuzelwa emva kokudutyulwa kukanina

EKAPA: INKWENKWANA eneminyaka elishumi ifumana intuthuzelo ngokwasemphefumlweni yoonontlalontle emva kokuba unina edutyulwe wasweleka ibukele-kutyholwa owayesakuba lisoka lakhe.

U-Unathi Sabsana obeneminyaka engama- 27 udutyulwe elungiselela usapho lwakhe isidlo sangokuhlwa ngoMvulo. Kusolwa isoka lakhe ebeliphethwe bubukhwele. Usapho luthi u-Unathi neli soka bebezakuvela enkundleni malunga nesicelo sokhuseleko (protection order) esasifakwe ngu-Unathi ekuqaleni kwalo nyaka.

Umama kaUnathi, uMildred, uthi usapho lonke beluhleli kwindawo yokutyela (dining room) beva kuthululwa izithonga zompu. “Unyana wakhe ona-10 ubaleke weza kum. ‘Vuka, vuka’ ukhwaze kalusizi. Nangoku usabuza ukuba siya nini esibhedlele siyokumbona,” utshilo.

Isithethi samapolisa uNoloyiso Rwexana uthi ityala lokubulala livuliwe. Uthi u-Unathi udutyulwe entloko nasesifubeni amatyeli amaninzi. Akukabikho mntu osele ebanjiwe malunga nesi siganeko.

“Usapho lufumana intuthuzelo ukuze lukwazi ukumelana nale meko,” utshilo.

Utata wakhe uDumalisile uthe: “Unyana wakhe ukudinga kakhulu ukuthuthuzelwa nanjengoko yonke le nto yenzeke phambi kwakhe.”

Ukubulawa kukaUnathi owasungula iUnathi’s Takeaways kwenzeke kanye ngeli xesha le-16 Days of Activism of No Violence Against Women and Children.


Abahlali baseNew Crossroads bayacaphuka sesi sehlo.   

Uceba waseWard 38 uLuvuyo Zondani uthe udanile kuba le nto yenzeke emva kweentsuku apho Ilitha Labantu belikhokhele umngcelele lihamba esitalatweni saseNY1 kwinkxaso ye16 Days. “Uninzi lwabahlali alukhange luphumelele kula matshi. Kanti abahlali mabawaxhase amaphulo anje ukuze batshintshe indlela abacinga ngayo. Xa bephuma ngoninzi lwabo umyalezo ufikelela kwiindlebe ezininzi,” utshilo.

UZondani uthe iinkokheli zasekuhlaleni zikudliwanondlebe neecawe ngenjongo zokufaka umthandazo omkhulu wokuthuthuzela usapho.

Isithethi se-ILitha Labantu uSiyabulela Monakali, uthi bothuke kakhulu sesi siganeko. Uthi esi sehlo sibonisa ukuba mabathethe nabantu ngokuxhatshazwa.


“Ebenze into entle kwaye esemthethweni ngokuya enkundleni afumane ukhuseleko kodwa ngelishwa umthetho awukwazanga ukufezekisa oko. Baninzi abantu abakwiimeko ezilolu hlobo. Siyabakhuthaza siLilitha ukuba beze ngaphambili,” utshilo.

Isithethi sezoPhuhliso loLuntu uSihle Ngobese, uthe bazakuqinisekisa ukuba usapho luthuthuzelwa de luxole. “Sizakuthumela oonontlalontle bayokuthuthuzela,” utshilo.