Inkxalabo yeeAlbino kwelaseThekwini

Umbutho wabantu abaziiAlbino iAlbinism Society of South Africa KwaZulu-Natal uthi, ibothusile into yokuxhwilwa kwakhona kwenkwenkwana eneminyaka emine uManeliswa Ntombela kule mpelaveki.

UNtombela ulahleke kwaMkhoboza kwilali yaseSikhaleni eMpangeni, ngethuba edlala nogxa wakhe ngaseCaweni.

Lo mbutho uthi, eyona nto ibothusileyo kukuba bekusandul’ukubanjwa amaphulo KwaZulu-Natal okulwa ukubulawa kwabantu abaziiAlbino emva kweziganeko zokuduka kwabo babhaqwe sele bebhubhile.

Iingxelo zithi kuye kwabonwa amadoda amabini angaziwayo ngakule Cawe idlala abantwana.

Kukholelwa ukuba iziganeko ezinje zokuhlaselwa kubulawe aba bantu kukuba kufunwa amalungu omzimba athile kubo nenziwa amayeza esiNtu.