Inkxaso ngakuNxamalala mayisixhalabise!

Kutsha nje kumabonakude nakunomathotholo sichazelwe ngenkxaso yaseNkandla eya isanda ngokwanda ngakumongameli osanda kususwa esihlalweni, ubawo uGedleyihlekisa Nxamalala Jacob Zuma.

Kusasazo lweendaba kunomathotholo, abanye babaxhasi bakhe balikhuphe latsola elokuba lo kaZuma, “yinkokheli yabo abayithanda kakhulu, kangangokuba abakasazi nesizathu sokugxothwa kwakhe phambi kwexesha.” Bambi bagadlele ngelithi, “baza kwenza konke okusemandleni bamxhase beziimvaba zenkolo kunye nabahlali kwelo laseNkandla, kuquka nezinye iziphaluka ezikufuphi nalapho eNkandla.”

Esikubone kule mpelaveki kwindawo ebesenza kuyo intetho lo kaZuma, apho ebebulela le nkxaso, kukunyuka kwamanani aba baxhasi bakhe ngeyona ndlela ikhawulezayo nemangalisayo. Nalapho ke, akuthethileyo ubawo uZuma kuko mna endikubona kunokukhokelela kwinkxalabo, kuba kwintetho yakhe ube nendawo etyityimbisela umnwe abo bakholose ukuthetha ngaye esidlangalaleni kwimbumba yeSACP; iCOSATU neANC, ingakumbi abo bakwisigqeba seSACP.

Ikho into endixelelayo mabandl’akowethu ukuba kungekudala, inkxaso ngakuNxamalala iza kunyukela kwelona nqanaba liphezulu, ingakumbi kwela phondo lakowabo iKwaZulu Natal. Xa kunje ke kubalulekile ukuba sizikhwebule kumkhwa wokulibala msinya.

Kumaxa amaninzi kuthi kwakususwa inkokheli kwisikhundla sayo, babekho abo bagxwala kunye nayo emswaneni, kangangokuba baphele beyilandela, bayixhase kanobom, baxolele ukujinga iliso ngayo, bade bavuse nombutho omtsha wezopolitiko.

Kwesa sithuba sika2008, kula nyanga yoMsintsi, ayinakuze ilibaleke into eyenzeka kwimbali yezwe lakowethu.

Kaloku ngelo xesha kwathi kwakushenxiswa uZizi into kaMbeki kwisikhundla solawulo, naye ekhutshwa ziinkokheli zeANC ezazinganelisekanga lulawulo lwakhe, oko kususwa kwakhe esihlalweni kwabuchaphazela kakhulu ubulungu beANC. Kaloku emva kokutyekezwa kukaMbeki kubunkokheli beANC nakobelizwe, kwasungulwa umbutho weCOPE, nowawukhokelwa ngokaLekota nokaShilowa.

Ngoko nangoko amanani amalungu eANC ehla kangangokuba zaliqela iindawo ethwaxwa kuzo iANC ngokweevoti. Esi sesinye sezizathu ezibangela ukuba ndithi mayisixhalabise le nkxaso yandayo ngakuNxamalala zidwesha zakuthi.

Mawethu silibele kusini na ukuba emva kokutshicwa kukaMbeki kubunkokheli beANC, kuye kwavuka ukungaboni ngasonye phakathi kolutsha lweANC nesigqeba solawulo kwakulo mbutho?

Oku kungaboni ngasonye kwakhokelela ekubeni amanye kumalungu esigqeba esasikhokela ulutsha lweANC agxothwe akhutshelwe ngaphandle kulo mbutho.

Iingcali ezininzi zayilumkisa iANC ngokususwa kukaMbeki, zaphinda zayilumkisa nangokushenxiswa kweenkokheli zolutsha ezifana noMalema noShivambu.

Ngelishwa, nezo izicengo zawela phantsi. Oko kususwa kwezo nkokheli zolutsha sazi sonke ukuba kwakhokelela ekuvusweni kweEFF. Yile EFF ke ebuchaphazele ngakumbi ubulungu beANC kangangokuba iphele iphumelela emagqabini kwizixeko ezazifudula zilawulwa yiANC.

Kaloku ngenxa yeEFF, iANC ikhangeleke izika mpela kwizixeko ezifana neBhayi neTshwane, kwaye ndijongile nje, zingalandela nezinye ukuba akuhlatywa kukhangelwe nakule kaNxamalala imeko.

Naphambi kokususwa kukaMsholozi, iingcali zopolitiko zibonisile ukuba ingakho ingozi, nangani ke uninzi lwazo lwaluvakala selubukruquka nalulawulo lwalo kaNxamalala. Ndisuke ndanexhala elingumangaliso xa kuvuka inkxaso emandla ngakulo bawo, ingakumbi xa le nkxaso igqabhuka kwelakowabo.

Sazi sonke kaloku mawethu ukuba ngokwamanani, abantu abantetho isisiZulu nesiko labo lilelengqiqo yobuZulu, ngabona baninzi ukodlula zonke ezinye izizwe kweli loMzantsi Afrika. Okuhle ngolu hlanga kukuzithanda kwalo, ukuyixhasa kwalo nayiphi into engentlalo yalo kwanabantu besizwe salo.

Ngenxa yoku ke, kumele sibe nokuxhalaba, kuba xa le nkxaso ngakubawo uZuma isanda, kungekudala kungavuka umbutho oza kuchaphazela kanobom ubungakanani bamalungu eANC neminye imibutho yezopolitiko, kuqwele ke ngoku ngokuvuka komnye umbutho oza kuzibiza ngokobuhlanga nangokwamasiko nezithethe njengalowo weAfri-forum.

Mhlawumbi uya kubizwa Zulu-forum asazi! Yiba nomfanekiso ke ngoku xa zonke izizwe zoMzantsi Afrika zinokuba nemibutho yazo ekumila kunje!

Xa kunokuba njalo ke, kuphelile ngobunye kweli lizwe, into oza kuyibona yimilo neemfazwe ngokobuhlanga, ngokwamasiko, nangokweelwimi, kutsho kubuye ela sikizi lalibambisa umzimba kwiihostele zoomaThokoza, eThembisa naseBoibatong.

Mayizame iANC neSACP zikhangele amaqhinga namacebo okumsondeza lo kaNxamalala, anikwe uxanduva lomsebenzi njengelungu elinamava kwezopolitiko, kungenjalo, ndinoluvo lokuba inkulu ingxaki oza kujongana nayo uMzantsi Afrika!