Inqununu ityholwa ngesincwaso

“Wandibizela e-ofisini esikolweni, wavala ucango wathi mandihlale esitulweni ndase ndabona sele endikhulula amaqhosha ehempe yam, xa ndixhumayo wafaka isandla ngaphantsi kwesikethi endibamba emathangeni.”

Eli libango likaThabatha Feke (24), obefudula esebenza njengonobhala (clerk) kwisikolo iBambanani Junior eSlovo Park eMthatha, owavula ityala lokuphathwa gadalala ngokwesondo emapoliseni emangalela inqununu uLubabalo Bango.

UFeke uthi izehlo zezincwaso ezenziwa nguBango ngethuba ezama ukuqonda ngentlawulo eBambanani zimenza aphaphazele kubenzima nokwenza uthando ngakwiqabane lakhe.

Uthi ufike eBambanani ekuthambekeni konyaka ophelileyo, wafumana isingxungxo esihlawulelwa yiBhodi eLawula iSikolo (SGB). Kodwa uthe wakubona ukuba iinyanga zifikelela kwisine engarholi wabuza kuBango.

“Umakazi wam wayengayikholelwa ukuba ndisebenza phaya ndingarholi iinyanga ezine, kangangokuba abanye abantu babecinga ukuba ndiyaphosisa besithi nditya imali.

“Ndathi xa ndibuzayo ukuba ndirhola nini, uMnu. Bango wathi izinto zakuba lula mhla ndimnike le nto ayifunayo, ukwabelana ngesondo. Emva kokuba ethethe lo nto, wandithumelela imiyalezo yefowuni, ecenga ukuba ndabelane naye ngesondo kodwa andavuma,” utshilo uFeke, encokolela I’solezwe.

I’solezwe liyibonile eminye yemiyalezo kaBango kwifowuni kaFeke. Omnye umyalezo ufundeka kanje: “Masidibane, ukuze sithethe ngeSex bby.”

UFeke uthi emva kokuba efumene izicelo zothando kuBango, wamxelela ukuba uzakumxela kwinkosikazi yakhe.