Intanga yomfazi yindodakhe!

Andiqinisekanga ngesizathu samaXhosa sokugxininisa ukuba umfazi abe mncinci kunendoda yakhe.

Bendike ndive kusithiwa amabhinqa aguga msinya kunamadoda, ngako ke xa umfazi emncinci baya kugugelana. Andazi ke ukuba ibiyintoni ingxaki ekugugeni komnye ngaphambi komnye, kuba ke aba ngabantu ababini ngako oko ubomi babo buhamba iindlela ezahlukeneyo.

Ndingaqajela ke ngoko ndithi mhlawumbi bekujongwa umfaneleko, umfana engafanelwa yintokazi enemibimbi.

Ukuba kunjalo ngenene, oko makube kunefuthe kule nto siyibona isenziwa ngamabhinqa ukukhathalela umfaneleko wawo, udibane nexhegwazana litsheyisa kuba lifuna ukuhlala likhangeleka.

Ndingawatyhola ke kananjalo amadoda ndithi ezeka abantwana nje afuna ukubacudulela abalawule, abenzise ukuthanda kwawo. Amava anendima enkulu kwifuthe lekhondo elithi lithathwe yintlaliswano yomfazi nendoda.

Lo umncinci ukholelwa yinto yonke ethethwa neyenziwa ngulo umdala, kuba unamava.

Imithetho yesizwe emiyo ke abantwana ibagada de babe neshumi elinesibhozo ukuya kumashumi amabini ananye, emva koko bazibonele.

Kukuleyo minyaka kanye ke apho ithi iphuncuke khona ibhobhile, bonzakale abantwana kusithiwa badala.

Enye indawana endiyiqaphelayo isemthethweni wethu othi, ukufika komfazi kukwenzelwa kwendoda usapho, itsho ibe noxanduva lokondla umkayo nabantwana abaya kuthi bavele.

Umfazi akathwaliswa xanduva lakondla bantwana. Besakube bephumile ebeleni, inembe ayikrwecayo umfazi ukuya emngqushweni luxanduva lwendoda ukuzibeka phambi komfazi, azilungise.

Ngalo ndlela ke umfazi uphetha eyinxalenye yabantwana bendoda, de angabi nabuganga bokuvakalisa izimvo zakhe ngendlela egadlelayo endodeni.

Kungako ke noMdali ebanike ubuganga bokusilawula bengakhange basilwise, unangoku bayasilawula besenzisa izinto ebesingena kuzenza xa besingenabo.

Mhlawumbi esiba mncinci nje umfazi kunendoda yakhe kukwenza ulungelelwano nokucutha amathuba okruthakruthwano.

Omncinci kulindeleke ukuba athobele omdala. Indoda ke, njengentloko yomzi, kumele ibe ndala ukuze ithotyelwe.

Umfazi kufuneka angabi nabuganga bakuyikruna indoda yakhe njengoko iyintloko yakhe.

Umakulinganwe lo amaXhosa ambona kwantlandlolo ukuba unazo iingxaki, unangoku ke imitshato iqhawuka mihla le. Azibi mbini buhlantini bunye kaloku, kwakubanjalo luyadilika uthango.

Kananjalo ke; nokuba uthe wangakanani na umfazi ngokweminyaka, amaXhosa abuye ayivale loo ndawo ngokuthi afike enziwe intanga yendoda yakhe.

Ukuba indoda yakhe indala kubantwana bekhaya, ufika naye abe mdala nokuba mncinci na, abantu belo khaya abemele ukubahlonipha ibe ngabo abathi sisi kuye.

Ukuba incinci ufika naye abe mncinci, abantu ebebenokuthi sisi kuye ibe nguye obahloniphayo. Nangani kunjalo ke, akenziwa abe mdala kunendoda yakhe.

Yile ndawana yokugqibela ke efika ifune ukuxoxisa. Xa kanti umfazi uyakwazi ukwenziwa mdala okanye mncinci ngokwesithethe samaXhosa, ibisahoywe ngani na ke indima yobudala bomfazi endodeni yakhe?

Kuba ke nokuba mdala ngeminyaka uhleli eza kufika athotywe abe mncinci kunendoda yakhe!

Ndibuya ndiziphendule ke ngelithi, nokuba ufike wenziwa mncinci na kunendoda yakhe, ubuncinci bakhe bophelela phaya esithetheni, abuyi kuyichaphazela ingqondo namava akhe.

Ukutsho oko ke woyicudulela intloko leyo yakhe ngenxa yamava anawo, ze ngandlela ithile ade ayonyelise.

Ngaluba kukho olo lungelelwano nolungiselelo ke, ingaba indoda ingamzeka na umntwana oyintanga yokuba ingamzala?

Yoba nawo na amandla omntwana kule nto yanamhlanje? Ndodandini ungayizeka na intanga kanyoko? Vabaza phendula ndikuhlawule!

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.