Intatheli ikhuphe inkwenkwana ebomini obunzima

UAzola Phaphu, owayeminyaka emine kulo mfanekiso, eme ecaleni kwamapolisa kuqhankqalazo olwaluseGugulethu ngo2018

UBOMI obulusizi benkwenkwana yaseGugulethu, uAzola Phaphu (6) buguquke bangcono emva kokuqatshelwa yintatheli engumfoti uAyanda Ndamane.

UNdamane, othabatha imifanekiso yeAfrican News Agency /ANA, wayexakekile esemsebenzini ngethuba ephandlwa bubugorha benkwenkwana eyayiminyaka mine ngoko, neyayiyinxalenye yoqhankqalazo lwabahlali lokukhalela ukuhanjiswa kweenkonzo ezingundoqo eGugulethu, eKapa.

Umfanekiso wale nkwenkwana eyayilinganisa amapolisa, iphethe umbayimbayi wetoyi, ithwele isigqoko entloko kolu qhankqalazo lwango2018, nowafotwa nguNdamane, watsala amehlo oluntu mbombo zone.

UNdamane uncokolela I’solezwe lesiXhosa ngokudibana nale nkwenkwana.

“Ndadibana noAzola eGugulethu ngo2018 ngethuba ndifota kuqhankqalazo lwabahlali olwalungokuhanjiswa kweenkonzo.

Wayenobugorha obungumangaliso, wadlula amatye nezintywizisi wayokuma namapolisa, ephethe umpu wakhe kwaye ethwele isigqoko entloko,” kubalisa uNdamane.

UNdamane uthi waye wanomdla wokwazi ngcono ngobomi bale nkwenkwana.

Uthi ngethuba etyelele kokwayo, ephethe neepasile zokutya, ufike kunyembezana kuba kusweleke umama wale nkwenkwana. Uthi wayengaziwa mntu kwela khaya, kodwa le nkwenkwana yayimazi.

Efuna ukuqonda ngemeko kaAzola, uNdamane ufumanise ukuba uAzola ngumntwana osokolayo, oselugcinweni lukamakazi wakhe kungoku.

“Udinga kwanto edingwa ngumntwana, nam ndinqwenela ukumvulela ingxowamali eza kumfundisa,” kutsho uNdamane.

“Andifuni nokuyicinga eyokuba kunjani ukungabi namama uneminyaka emithandathu. Endikunqwenelayo kukuba abe nobomi obungcono nemfundo,” kutsho lo mfoti.

Kwimpelaveki esisuka kuyo, uAzola ebeze kubonwa ngumdlali kamabonakude uNompilo Maphumulo, odlala indawo kaNosipho kuZalo.

Lo saziwayo, ebekutyelelo lomsebenzi eKapa, ebephethele uAzola iipasile zokutya.

UNdamane, obechukumisekile ngethuba encokola neli phephandaba, udize ukuba kukho ithuba elihle lokuba le nkwenkwana ingasifumana isikolo, kodwa oku kusekwiingxoxo.

Uthi uluntu luthe gqolo ukuthumela iimpahla kuAzola.

UNdamane ubongoze uluntu ukuba luncede ngoko lunako, iimpahla (6-7), iitoyi zokudlala, izihlangu ( size 12) nokutya.

Abafuna ukunceda bangaqhagamshelana noNdamane kwinombolo engu: 0843600446 okanye kuFacebook.