Intatheli yeSABC izithandela ukuqhula eqongeni

Intatheli yeSABC kunomathotholo kwakunye nomabonakude uAtule ‘AJ’ Joka ungambona ezimisele emsebenzini wakhe wokuqokelela iindaba zeSABC, kodwa apho ikhoyo intliziyo yakhe isekuqhuleni eqongeni ukuze ahlekise abantu ababukeleyo.

Lo kaJoka, oyinzalelwane yaseKaladokhwe, nesele ezinze eMthatha ngenxa yomsebenzi, uthi ukuqhula eqongeni kumenza afezekise isidingo sakhe sokubona abantu bonwabile ngawo onke amaxesha.

“Uthando lwam lweqonga laqala ndisemncinci kakhulu ngokuba ndingumntu othanda ukuthetha kutsho kuhlekwe kwindawo endikuyo. Ndiyakholelwa ekubeni xa kuhlekwa ngabantu iba khona into eye yenze umthwalo lo wobom ulibaleke okanye ubekwe bucala kugxilwe elonwabeni,” utshilo uJoka.

Uthi xa engumsebenzi kwiqumrhu losasazo iSABC kuye kunyanzeleke ave iintlungu zempilo yabantu nto leyo emshiya edandathekile, kodwa xa eqhula eqongeni abantu bayayilibala intlungu yempilo yabo, kwaye leyo into imshiya imhlophe intliziyo yakhe.

“Ndizokwenza iinkqubo zokuhlekisa apha ephondweni ngokuba ndifuna abantu balazi eli cala lam, bengasoloko bendibona ndifake ibhatyi kumabonakude, bacingele ukuba ndinguloo mntu obuthathela phezulu ubom.

Kodwa bandazi ukuba ndiliqhula eqongeni,” wongezile uJoka.

UAtule The Joka(er) uza kube eseqongeni ngomhla wama22 kweyeNkanga eNelson Mandela Museum eMthatha. Itikiti lokungena liza kuxabisa iR100 neR120 emnyango. Ayafumaneka emnyango ngala mini ngentsimbi yesithandathu okanye uwathenge kwivenkile iSelfast eBT Ngebs okanye eNelson Mandela Museum eMthatha.