Intombi yomXhosa ikhangela indima edlalwa ngumntu obhinqileyo

Tony Gum, eMiami

Iphakamisa iflegi yoMzantsi Afrika inzwakazi yaseKapa ngomsebenzi wayo okhethekileyo wezobugcisa kumazwe aphesheya.

UTony Gum ominyaka engama-21, noyinzalelwane yaseKapa usebenzisa iindlela ezahlukeneyo zobugcisa ukubalisa ibali ngendlela efikelelekayo nakubani na.

Le nzwakwazi nethi xa izichaza “Ndingumfundi, ichule lobugcisa elifundayo, umbalisi osakhulayo, kwanomenzi wemiboniso bhanyabhanya osekuqeqesho’’, yaqala ngokuvula ikhasi lokubhala kumnatha, nelibizwa ngokuba yi-Blog, nalapho yazithiya igama elithi Tony Gum.

“Ndakhetha igama elithi Tony ngenxa yokwahluka kwentsingiselo yalo, kwanokuba ndandingafuni ukwaziwa ngabantu kumnatha wonxibelelwano,” itshilo le nzwakazi.

Le nzakwazi negama layo lokuzalwa inguZipho Gum, ithe xa ineminyaka elishumi elinesithoba yabonisa ngamandla umdla wayo kwezobugcisa.

“Andikhange ndiqale ndisithabathele ingqalelo isakhono sam kwezobugcisa, kodwa emva kokubonwa komsebenzi wam ngomnye wabahlohli bam eCape Peninsula University of Technology (CPUT), ndathi ndaqala ukuwujonga ngelinye iliso. Ukanti umama wam wayengumntu owayenomdla kakhulu kwezobugcisa, kodwa ke ngenxa yeemeko ezithile wagqibela esenza izifundo zokuba ngumongikazi,” utshilo uGum.

Le nzwakazi kutshanje ikhe yatyelela eQunu, eTabase, eNyandeni, nakuQumbu eMpuma Koloni nalapho idibene nabaThembu, AmaMpondo kunye namaMpondomise.

Utyelelo lukaGum kwiMpuma Koloni ibiyindlela yokuzama ukufumanisa ukubaluleka komntu obhinqileyo ekuhlaleni.

“Oyena mdla wam ibikukufuna ukuqonda indima edlalwa ngumntu obhinqileyo, kwanezigaba zobomi agqitha kuzo lowo ubhinqileyo, ukuqala ekubeni yintombi, abengumfazi kwanomntu omdala,” utshilo uGum.

Uthe olu tyelelo lumvule amehlo. Ukwathe mininzi imiceli-mngeni kwisakhono sakhe, watsho esithi nanjengamfundi oseyunivesithi kumele azame indlela yokuxhathisa ezifundweni nakwisakhono sakhe sobugcisa.

Le nzwakwazi sele ikhe yabonisa ngomsebenzi wayo osihloko esithi ‘Free-Da-Gum’ nalapho ibenemiboniso equka iBlack Cola series, Milked in Africa, uTwiggy noFree-Da-Gum, kwilizwe lase-New York nase-Miami phesheya kolwandle.

Ukwacebise abo banomdla kwezobugcisa ukuba benze oko bakuthandayo.

“Ndibenethamsanqa lokuba nosapho olundixhasayo. Umntu ndingathi makabe nombono kuba nguwo okwakhayo kwisiphiwo sokuyila,” wongeze ngelo uGum.

Ukanti uGum uyafumaneka kumakhasi onxibelalwano: Website: tonygum.blogspot.co.za Instagram, Facebook noTwitter: @tony_gum