INtshona Koloni ingaphumelela kwii-Idols zalo nyaka

Abaxhasi bakaYanga begcwalise isitrato saseDelft bebonakalisa inkxaso yaboUmfanekiso: Phinda Kula

Kapa:

Baphume iphulo abahlali bejikeleza izitalato kwingingqi yaseDelft eKapa, ngeligaya inkxaso, beququzelela ukuba uluntu luvote ngobuninzi ukuze aphumelele uYanga Sobetwa okuluhlu lwabalishumi kwii-Idols zalo nyaka eMzantsi Afrika.

Ulutsha lwaseDelft luphume ngendlu ukuxhasa uYanga.

IDelft yenye yeelokishi ezidume kakubi ngolwaphulomthetho nokubulawa kwabantu kweli leKapa. Kungoku nje ibekwe kwimephu nguYanga ongenele ukhuphiswano lwee-Idols kulo nyaka.

“Ngoku icekwa lishiyeke nathi ukuba simdudule ngeevoti ukuze aphumelele. Sizama ukubonisa abantu balapha eNtshona Koloni ukuba le ntwazana isebenzile, masiyivoteleni ngobuninzi bethu,” utshilo uBathandwa Gali, 29, ophuma kumbutho ongekho phantsi kukarhulumente iMXM, nejongene nokuphuhlisa izakhono zolutsha.

Uthi ngokuphuma eli phulo bamemelela wonke umntu akwazi ukuvota, ngelithi bambi babo abanazo iiDSTV, oko kubangela ukuba babe semva ngokuqhubekayo kwii-Idols. UGali uthi bebefundisa uluntu ngeendlela zokuvota, uthi nalapho badibene khona noninzi lwabantu lungazi nto kwaphela ngoYanga.

UYanga, 17, ngumfundi webanga lesithoba kwisikolo samabanga aphakamileyo iRhodes, eMowbray, eKapa. Ungumntwana wesibini kubantwana abathathu kubazali bakhe.

Le ntwazana ithathe inxaxheba yokungenela olu khuphiswano njengemvumi ephume izandla nenethemba lokuba nayo iyakuphumelela ukhuphiswano lalo nyaka nanjengoko ingunyaka weshumi elinesine liqhuba.

Kunyaka ophelileyo, olu khuphiswano laphunyelelwa nguPaxton Fielies owayene18 leminyaka. Ukuba uYanga uyaphumelela iya kuba yimbali luphunyelelwe eNtshona Koloni izihlandlo ezibini zilandelelana olu khuphiswano.

UYanga ungoyena mncinane ngokweminyaka kwii-Idols zalo nyaka. Eyona ngoma ayithanda kakhulu nguListen kaBeyonce Knowles.

Okona kutya akuthandayo sisipagethi ehamba nemicwe yenyama yenkuku. UYanga wayesaya kudlala umdlalo wombhoxo esikolweni, inguye yedwa intombazana phakathi kwabantwana abangamakhwenkwe.

“Njengaye nawuphi na umzali ndiziva ndichulumancile kakhulu. Oku bendingakulindelanga kum, kodwa ngenceba kaThixo ndonwabe ngeyona ndlela igqithisileyo. Ngamanye amazwi ndiyinkuku esikwe umlomo,” utshilo utata kaYanga, uAyanda Sobetwa onama51 eminyaka ubudala.

Uthi uYanga ngumntwana ekunzima ukumchaza indlela ayiyo, esithi ungumntwana onomoya ophantsi nothobekileyo.

Uthi awusokuze umbone ecaphukile. USobetwa uthi ebengayazi ukuba umntwana wakhe ungumlonji.

“Ndiqinisekile ukuba uYanga uza kuliphumelela olu khuphiswano kuba ndimthembile ekuculeni, uloyiko lwam nguKing B akunye naye kwii-Idols,” utshilo uZimkhitha Ngwekazi, 22, ongumzala kaYanga. UZimkitha wenza izifundo zakhe zePublic Management kwiYunivesithi yaseStellenbosch.

KwiCawe edlulileyo, uYanga ucule ingoma kaAmanda Black ethi Amazulu. Kungoku nje sele kuqaliwe ukuvotelwa abo bathathe inxaxheba kwii-Idols ezidlala kuChannel 161 kumabonakude.