Inxanelwe ubulungisa intombazana eyabethwa emthonjeni

Lihlehliselwe umhla wesithathu kweyoMdumba ityala lendoda eyabetha intombazana ekhulelweyo engummelwane wayo emthonjeni, ebutsheni benyanga ephelileyo, kwilali yaseMhlotsheni KwaBhaca.

UBongekile Magugu ongummangali kweli tyala, noneminyaka engamashumi amabini uphume ejijeke intliziyo kwinkundla kamantyi kwaBhaca emva kokumiswa kwetyala ngenxa yokungapheleli kobungqina obuphambi kwenkundla.

UMagugu waba lixhoba lokubethwa nokungcungcuthekiswa yindoda engumakhelwane emva kokulwa nenye intombazana, ezalwa ngummangalelwa kumthombo wamanzi ezikha kuwo ezintsapho.

Ingxelo yabazibonela ngamehlo bathi, intombi yommangalelwa yafika yafuna ukukha amanzi phambi kwabanye afike sebelapho ngethuba uMagugu ekhelelela. 

Oko kwadala ingxabano eyakhokelela kumlo wesisibini, le ndoda yafika yangenelela ithatha icala lentombi yayo. Ababelapho bathi zange afune nkcazelo, koko wafika wafaka intonga ebetha uMagugu, wamshiya ebokoboko.

UMagugu walaliswa kwisibhedlele iMadzikane KaZulu. UMagugu uthi ngethuba elapho ufumanise ukuba amawele awathweleyo achaphazelekile ngethuba enkulwa yile ndoda, kwaye elinye lawo lizakuzalwa linokukhubazeka.

“Eyona nto indixhalabisayo luloyiko lokuzibona ndinomntwana okhubazeke ngento yangabom. Xa sasisilwa singabantwana ayikho ethi utata lo makangene ngetshova andibethe ze abethe nomama wam owayezama ukundihlangula. 

Ndilapha enkundleni kuba ndifuna ohlwaywe ngesenzo sakhe, kuba ndisaqaqanjelwa, nogqirha wandixelela ukuba nomye wabantwana endibathweleyo ulimele, ingalo idumbile.

Othethela amapolisa akwaBhaca ukhaputeni Edith Mjoko uthe ityala lokubethwa komntu ekhulelweyo linobuzaza kakhulu.