UKwinti ukhuthaza izikolo zaseNdlame

UMphathiswa woPhuhliso lamaPhandle uGugile Nkwinti ngethuba ethetha nootitshala baseVelile. Umfanekiso: Buziwe Nocuze
Utyelele izikolo ezikummandla waseNdlambe uMmphathiswa woPhuhliso lamaPhandle, nokubuyekezwa koMhlaba uGugile Nkwinti.

Olutyelelo lilandela emva kweziphumo zebanga leshumi kunyaka ophelileyo, kwaye umphathiswa ebelapha ngelixhasa iMatiwane Bursary Fund yomasipala iNdlambe, nencedisa abafundi abasuka kwizikolo ezifana neNomzamo, iKuyasa, kunye neVelile eseBarthust. 

IMatiwane Bursary Fund ixhasa abafundi abenza izifundo zeNzululwazi, (Physical Science), kunye nezibalo (Mathematics), kwaye ithiywe ngongasekhoyo uMluleki Matiwane nowangomnye wabasebenzi balo masipala.

UKwinti uthi kwathathwa isigqibo sokuyibiza ngoMatiwane le bhasari ngenxa yokuzinikela kwakhe nothando lenkqubela phambili. “Silapha ukuzobonakalisa inkxaso yethu kwaye sibulela nendlela enisebenze ngayo ukuqinisekisa ukuba nifumana iziphumo ezihle nakulo unyaka,” utshilo uNkwinti ngethuba ethetha nootitshala baseVelile.

Esi sikolo siphumelele ngeepesente eziyi 86,1 kwiziphumo zebanga leshumi kunyaka ophelileyo. Kubafundi abangamashumi amathathu anesithathu ebebechophele iimviwo zokuphela konyaka bangamashumi amathathu ananye abaphumeleleyo.

Umphathiswa ebephelekwa nguNomgcobo Futshane ongumlawuli weSebe lezeMfundo olibambela kwesa sithili. Uthe iVelile isebenza ngokuzimisela noxa isehla inyuka. “Sifuna nenze ngaphezulu kokuba nenzile kulo nyaka yaye siyayazi ukuba ningakwenza oko,”utsho uFutshane. 

Inqununu yesisikolo uKwanga Ntantiso uthe nangona beyonwabele impumelelo yabo kodwa bebefuna ukwenza kakuhle nangakumbi. Uqhube wathi, “Umnqweno wethu ibikukwenza kakuhle nangaphezulu koku, kwaye ngokusebenzisana siyathemba lokuba kulo nyaka sizokwenza kakuhle nangakumbi.”

Ukwathe sele ziqalile izifundo kwaye abafundi bathatha inxaxheba nakwizifundo zasemva kwemini. “Sele kufundwa nangeempelaveki kuba sifuna iziphumo ezincumisayo,” utsho uNtantiso.

Uvakalise intsebenziswano phakathi kweetitshala zezikolo ezikulo mmandla kwakunye nomasipala iNdlambe kwiinkqubo eziqinisekisa ukuba izikolo zalapha zihamba phambili ngokufumana iziphumo ezincumisayo.