“Oko silinde umbane ukususela ngo-1999”

“Singavuya kakhulu ukuba
singafumana umbane. Kunini silindile?” utshilo uNoxolile Sikweleti ongumhlali
ekukudala elinde ukufakelwa umbane kwilali yaseMisty Mount, eLibode.

USikweleti, nomakhelwane
wakhe, uNontuthuzelo Ndiki banyamezele usizi lokupheka ngamalongwe nokuba
abathandi kuba abanambane. 
“Andithandi mntakabawo
ntonayo yinto yokuba ndinyanzelekile ukuba ndipheke, kutye abantwana,” utshilo
uSikweleti.
  “Xa ndiphumza iparafini yam
kufuneka ndipheke phandle kuba iyadura iparafini xa uzokupheka ngayo uphinde
ulayite ngayo,” wongeze watsho.

Esi sibini sithi oko
sathi sokha imizi kwilali yaseMisty Mount, eLibode malunga neminyaka yama-1990,
asizange siwufakelwe umbane. 
“Kudala sizama ke
nakooceba bemane besithembisa ukuba uyeza. Nonyaka ophelileyo uphele kusithiwa
umbane uyeza,” utshilo uSikweleti.

UNdiki uthi nokutya
kuyakhawuleza ukubola kuba abakwazi ukukufaka efrijini kungekho mbane. Ukwathi
baphila ngokukukufaka emanzini naphantsi kwetafile ngeenzame zokuba
kungakhawulezi kubole.

UNdiki uthi eyona nto
ibahluphayo kukuba imizi efike mva kunabo inawo umbane. Yena nomakhelwane wakhe
kwathiwa abaveli emephini xa beyozicelela kwaEskom ukufakelwa umbane. 

Bathi
besajonge leyo kwaphinda kwathiwa esinye isizathu esibangela ukuba
bangawufakelwa umbane kukuba bakude neepali zombane ezisele zikhona.

Bathi bapheka
ngamalongwe neenkuni amaxesha amaninzi kuba neparafini iyadura. Bakwathi
iifowuni zabo bazigcwalisa emizini yaye ngoku abantu badikiwe ngabo. Bathi
kweminye imizi bade babhataliswe iR5 ukuze bagcwalise iifowuni zabo

Unyana womnye yale mizi
ofunda eyunivesithi, uLuyolo Ndiki uthi kubanzima nokwenza umsebenzi wesikolo
xa ekokwabo ngexesha leholide kuba uthi esasebenzisa ikhompyutha yakhe ikhawuleze
iphelelwe yibhetri, icime. Ngoko ke kuye kunyanzeleke ukuba ayokuyigcwalisa
ebumelwaneni, ngelo xesha umsebenzi wakhe wesikolo umile wona.

“Indivisa intliziyo
ebuhlungu into yokuba uthi sowungarhaleli nokuphuma eyadini unyanzeliswe kukuba
ufuna ukuyotshajisa,” utshilo uNdiki.

Bathi banikwa izitovu
zegesi nguceba ngonyaka ka-2016 kodwa zihleli nje ezo zitovu, abazisebenzisi
kuba abanayo imali yokuzigcwalisa kwakhona ngegesi. UNdiki uthi akanamali
yokugcwalisa igesi kuba akaphangeli. Ukwathi kuye kunyanzeleke ukuba azame oku
kweparafini, phofu nayo iyadura.

Owayesakubanguceba wale
lali, uNovusile Ntoza uthi unalo ulwazi lwale mizi ingenambane ngenxa yokuba ikude
neepali. Uthi le mizi ikule ngxaki mithathu xa iyonke kwaye naye kudala equqa
kwaEskom ezama indlela yokuba le mizi ide iwufakelwe umbane. 

Ukwathi nangona le
mizi yayingaveli kwimephu yabantu abazokufakelwa umbane kuqala, loo nto
yalungiswa liSebe lezoLimo kwaye ngoku yomithathu le mizi iyavela emephini.

UNtoza usuke esihlalweni
sokubanguceba kweyeThupha ku-2016 kuba liphelile ixesha lakhe kwesi sihlalo.
Nangona kunjalo, uNtoza uthembisa ngelithi uza kuncedisana noceba omtsha
ukuqinisekisa ukuba le mizi iyawufumana umbane. 

Kumsebenzi wakhe omtsha, uNtoza
usebenzisana nooceba kwaye ubongoza aba bahlali ukuba banyamezele kuba esithi bazokude
bawufumane umbane.