#Inxeba alide liphole

EKAPA: ZISABETHABETHANA izimvo malunga nomboniso-bhanyabhanya – Inxeba – nanjengoko iRight 2 Know (R2K) ikukhaba ukurhoxiswa kwalo kwiiCinema ngelixa yona iConcerned Community Movement(CCM) ivumelana.

Oku kuvele kwiingxoxo zokuhlolwa kwemigaqo yeenkcukacha eziyimfihlo ebezibanjwe yiFilms and Publications Board (FPB) eFountains Hotel izolo.

Umphathi obambeleyo kwiFPB uAbongile Mashele uthe umba we-Inxeba bawudlulisela kwiAppeals Tribunal eyathabatha isigqibo sokuba maluboniswe kwiiCinema zabadala ukususela kwiminyaka engama-18.

“Umcimbi weInxeba usaphononongwa Appeals Tribunal. Le filimu ayicuthi lungelo lwenkululeko yokuzivakalisa. Konke esikuvumelayo ukuba makuboniswe akufuneki kugqithisele ngapha kokuzivakalisa. Asingawo amapolisa okulungileyo nokungalunganga ntonje okwethu kukwazisa abantu okuqulethwe yifilimu phambi kokuba bayibone,” utshilo.

Usihlalo weConcerned Community Movement uSongezo Mazizi uthe akulunganga ukuba isiko lakwaXhosa libhentsiswe ngale ndlela iboniswa kwi-Inxeba.

“Lo mboniso unyhasha isithethe nesiko lethu. Abantwana akufunekanga bazi okuqhubeka ehlathini phambi kokuba baye. Kwakunjalo nakuthi kwaye lo nto kufanele ihlale injalo,” utshilo.

UMhlobo Gunguluzi weRight 2 Know uthe ukuchaswa kokuboniswa kwe-Inxeba kufana nokucinezelwa kwezimvo zabo bangabavelisi bale filimu.

“Lo mboniso uliwa ziinkokeli ezicaphukela abantu abathandana nesini esinye. Yifilimu eqwetyiweyo le ayingomboniso ofotwe ehlathini. Iinkokeli zethu mazihambelane namaxesha ziyeke ukudla ngendebe endala,” utshilo.

Ofuna ukufaka izikhalazo nokuba kungantoni na kwiFPB angathumela i-email ku classificationguidelines@fpb.org.za

michael.nkalane@inl.co.za