‘Iphi iAmathole? Isaphila?’

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane waziwa kakhulu ngesigama sentetho esithi “niyabonwa” xa ebhekisa kwizigqubu zezopolitiko akholelwa ukuba zibholel’ ecaleni, kodwa inkxalabo yakhe ngethuba eseDutywa kutshanje ingatolikwa njengesichasaniso kuthiwe “anibonwa” kubhekiswe kuMasipala weSithili iAmathole.

UMabuyane ebetyelele ilali iNgonyama eDutywa kutshanje eyokuzimasa umsitho wokunikeza itrakhi kwanetshekhi yeR2.l million kulutsha olulima imifuno kule lali – oluzibiza iLaphumilanga Agricultural Cooperative.

ILaphumilanga iqale ngo2009 kwaye ngoku banomhlaba okwiihekthare ezilishumi elinesibhozo. Balima ikhaphetshu, isipinatshi, ibhathanathi, izambana kwakunye nombona, ukuze bathengisele iivenkile zaseDutywa, kuGatyana nakuCentane. Ngonyaka benza ingeniso ephaya kuR285 000.

Phakathi kwamaqumrhu namasebe karhulumente abezimasile kuquka iOfisi yeNkulubaphathiswa, iSebe loPhuhliso lwezoQoqosho, iSebe loPhuhliso lwaMaphandle, iQumrhu loPhuhliso lwePhondo (ECDC), iArhente yoPhuhliso lwaMaphandle (ECRDA) kwanomasipala wasekuhlaleni eMbhashe.

Kwintetho yakhe yosuku, uMabuyane uvakalise ukungoneliseki kukungabikho koMasipala waseAmathole phakathi kwabazimasileyo.

“Xa sisebenzayo njengorhulumente kufuneka senze umgalelo. Inkazathi iyagodusa. Urhulumente uthi masisebenze ngenkazathi, urhulumente wasePitoli, urhulumente waseBhisho, urhulumente waseAmathole norhulumente walaph’ eMbhashe – babambisane.

“Ndiyadana xa ndingava kwanto ethethisa ngeAmathole apha. Andiyazi iAmathole nokuba isekhona, okanye ayisaphili? Umasipala waseAmathole unooLED (Local Economic Development), bekufanele ukuba balapha, babenesazela. Nibaxelele (phaya eAmathole) ukuba ngoku kumkiwe ngabanye abantu, kuyasetyenzwa,” utshilo uMabuyane kwintetho yakhe.

Ebuzwa yintatheli yeli phephandaba ukuba ingaba kutheni ebone kubalulekile ukuba aveze inkxalabo yakhe esidlangalaleni ngokungaboni uMasipala weSithili iAmathole kula msitho, uMabuyane uthe: “Kundothusile. Ndiyazazi izinto ezenzeka phaya, kodwa lo nto ibingathethi ukuba mabangabikho.

“Khumbula kukho inkqubo esithi yiDistrict Development Model, kwaye isizikithi saloo nkqubo nguMasipala weSithili. Xa kukho iiprojekthi ezinjengeLaphumilanga, kodwa ufumanise ukuba uMasipala weSithili akekho, bubugwenxa obo.

“Andikwazi ukonwaba malunga nalo nto kuba lo nto ithetha umsantsa. Siyawufuna uMasipala weSithili iAmathole, kufuneka usondele ebantwini,” kutsho uMabuyane.

Ephendula kwimibuzo yeli phephandaba, uNoni Vuso, osiSithethi kuMasipala waseAmathole, uthe: “UMasipala weSithili iAmathole awukhange ufumane isimemo (malunga nalo msitho) kwaye singuMasipala asinalwazi lwale projekthi (iLaphumilanga).”