Kuza kwalukwa ngoDisemba!

UMphathiswa weSebe leMicimbi yeMveli neNtsebenziswano kuRhulumento eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uthi bayavumelana ukuba kolukwe ehlotyeni.

Ingxelo ekhutshwe nguMphathiswa ibonisa ukuba esi sigqibo sizelwe zingxoxo ebezishushu phakathi kweSebe lakhe nemibutho echaphazelekayo.

Phakathi kwemibutho ethathe inxaxheba kwezi ngxoxo kuquka oomasipala bezithili, iinkokeli zemveli, amaqumrhu ajongene nolwaluko, inkolo kaNtu, imibutho yeecawa, amapolisa namaSebe kaRhulumente.

“Le mibutho neminye engachazwanga ibonakalise inkxaso yayo ukuqinisekisa ulwaluko lwasehlotyeni olukhuselekileyo,” kutsho uNqatha.

Uhambisa athi yonke imibutho izimisele ukunikezela ngako konke okuquka abantu bokusebenza kwanokuncedisa ngezimali kweli linge. Isiko lolwaluko limisiwe ngexesha lasebusika kuMzantsi Afrika wonke emva kokuba eli nehlabathi ngokubanzi livingcelwe ngubhubhane weKhorona.

“SinguRhulumente weMpuma Koloni sixoxe banzi ngalo mcimbi, saphuma nesicwangciso esibonisa iinjongo zethu zokulwa ukunwenwa kwesifo seKhorona, siza kusithumela kurhulumente kazwelonke ukuze siphunyezwe,” kucacisa uNqatha.

USekela-Sihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni, uNkosi Langa Mavuso, umemelela ukuba uluntu lumnike ixesha elaneleyo urhulumente.

“Sibongoza uluntu lumnyamezele urhulumente, isisombululo sisendleleni kule ngxaki yokwaluka nesifo seKhorona,” kutsho uMavuso.

Ukwamemelela ukuba urhulumente enze inguqu kwimithetho elawula ulwaluko ngokukhawuleza.

Ukanti uNqatha uthi benza konke oku bezama ukuthintela ingxaki. “Xa bengenakuvunyelwa ukuba boluke aba bantwana, bakoluka ngeendlela ezingekho mthethweni, bafumane ukwenzakala, singakwazi nokufika kwezoo ndawo,” kutsho uNqatha.

“Sijonge ukuba isiko lokwaluka liqhubeke ngendlela eza kukhusela ubomi babo bachaphazelekayo,” utsho uNqatha.

Ukusukela oko kufike esi sifo seKhorona, kufunyenwe iindawo zokwalusa ezingekho mthethweni kwiindawo eziliqela zeMpuma Koloni.

Esi sicwangciso kulindeleke ukuba sicacise banzi ngeendlela eziza kusetyenziswa ukukhusela ukosulelana kwabakhwetha, amakhankatha nabo bonke abachaphazelekayo ngesifo seKhorona.

Ilizwe loMzantsi Afrika linabantu abangaphezu kweshumi elinethoba lamawaka ababhubhe ngenxa yeKhorona.

Ngabakhwetha abangamashumi amabini ananye ababhubhele esuthwini ngexesha lolwaluko lasehlotyeni kunyaka ophelileyo.