Batyelelwe ngumdlali weScandal kuQoboqobo!

 

Bekungenyanga kaCanzibe kulo nyaka ngethuba umdlali kamabonakude, uLusanda Mbane, ebona kuFacebook ividiyo yabantwana besikolo iH.H. Majiza S.S.S eMkhubiso, kuQoboqobo, becula kusasa emigceni iculo lamaWesile elithi Unabantu bakho Thixo, nathi lithandwa kakhulu ngumama wakhe.

UMbane, waseMsobomvu eGcuwa, nowaziwa ngegama likaBoniswa Langa kumdlalo we-e.tv, iScandal, uthi zavele zehla iinyembezi ngezidlele ebukele aba bafundi, nathi bamchukumisa entliziyweni, bamkhumbuza ngeentsuku awayekhuliswa ngumama wabo nzima, wabe elithanda kakhulu unina eli culo engeva nezo nzingo babejongene nazo.

UMbane ugqibe kwelokutyelela esi sikolo.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa eH.H.Majiza, uthi waye wazibophelela ukuba uza kuya kunyathela kwesi sikolo ase loo nto incinci anayo.

UMbane ebekhatshwa ngumama wakhe uLulama Sangoni, uSivenathi Mabuya nonguXolile Langa kwiScandal kwakunye negqiza ebelimxhasile ngolu suku.

Ekhuthaza abafundi ngolu suku, uMbane uthi mabayazi ukuba imvelaphi enzima ayifanelanga ukuba ngumqobo kumaphupha abo, esenza umzekelo ngaye, esithi babethi bebuya esikolweni bangazazi ukuba bakulala betye ntoni, kodwa umama wabo uMaMvulane alenze icebo. Uthi amaphupha wayenawo kwaye ezigqatsa nasesikolweni, engazibaleli ngentlupheko yakowabo, kwamenza wazazi ukuba uyaphi.

UMbane, emva kwentetha yakhe ephilisayo, unike wonke umfundi okuGrade12 izilamba ezimbala uluhlaza notyheli – neyimibala yesi sikolo. Zibhalwe igama lesikolo nonyaka. Uye waphisa nangezikipa neekepusi ezinophawu lwephulo lwakhe elithi: Zazi, Zithande, Zithembe. UMbane ukwazibophelele ngokufundisa umfundi ohamba phambili kwizifundo zakhe kwesi sikolo, uAlwabe Ngcawuzele (18) kunyaka ozayo, emva kokufumana iziphumo zikaGrade12 nave ukuba uza kuzithathela kuye zonke iimfuno neendleko zokufunda.

“Ndiziva kamnandi kwaye ndiphilile nasemoyeni sisipho esingaka. Ndibulela uThixo ngabantwana bam, kumnandi ukuhlala kuThixo. Ndandimazi uLusanda ukuba uza kuba sendaweni ebanzi ngenye imini kuba wayendwebile, etyhudisa esakhula kwaye ezigqatsa, eyimela into ayifunayo.

Ngamanye amaxesha ndide ndimnqande kodwa ndiqonde luhlobo uThixo amdale ngalo olu,” utshilo uSangoni, umama kaLusanda.

USangoni ukhonza eWesile. Uthi eli culo ulithande esengumzukulwana kumakhulu wakhe owayethanda eli culo naye. Uthi limphilisile, lamhlangula, limnika nethemba ebunzimeni. Uvale ngelithi eqala ukubukela intombi yakhe kumabonakude wayemane echiphichiza iinyembezi.

Inqununu yesikolo iH.H. Majiza, uZwide Ntukantu, ubulele esithi kokokuqala ezimbalini ukukhe bahanjelwe ngusaziwayo oshiye namazwi amnandi kangaka nakhuthaza abantwana babo.

Uthi bona babamba rhoqo umthandazo kusasa kwesi sikolo bengazi ukuba kukho abantu abajongileyo kwaye abajonge ngeliso elihle. “Mna ndeva sekuthwa sinconywa kuFacebook yintwazana kamabonakude kwaye ithe iza kuza, ndatsho ndaqalisa ukubukela le vidiyo, ndatsho ndaqalisa nokubukela le ntwazana xa isethivini,” utsho ehleka uNtukantu.

Lo msitho ubuzinyaswe naliLungu lePalamente ePhondweni kumbutho weATM uVeliswa Mvenya, nalapho aye wolula isandla enikezela kubafundi abangamantombazana ngeephedzi.