Iphi iR45 500 kaNolitha?

INKOSIKAZI yaseMdantsane uNolitha Ndlazi usemngciphekweni wokuphulukana nemali engange-R45 500 awayihlawula kwinkampani ebizwa ngokuba yi-Eastern Cape Housing Corporation Scheme (ECHCS).

UNdlazi, yinzalelwane yaseMdantsane kodwa usebenza eSaudi Arabia. Uthi weva ngephulo lokwakhiwa kwezindlu ngo-2013, waqonda ukuba makenze iinzame zokuzibandakanya. “Ndaqala ukuhlawula iR6 500 kwekaCanzibe ngo-2014, emva koko ndahlawulela amalungu osapho lwam amathandathu iR6 500 umntu ngamnye kubo,” utshilo uNdlazi.

Uthi emva kokuba ebone ukuba izinto zihamba kancinci kweli phulo wagqiba kwelokuba afune imali yakhe.

“Ndithe xa ndiseMzantsi Afrika kulo nyaka, ndaxelelwa ukuba le nkampani ayizange yabhaliswa futhi nosihlalo wayo wasweleka. Ndaxelelwa ukuba akukho momhlaba lowo wokwakha ezi zindlu sasithenjiswe ngazo.

“Ndiye kwi-ofisi yale nkampani eseMonti kwisitalato iOxford, ndibuza ukuba imali yam ndiza kuyifumana njani. Amagosa aphaya andinika inombolo ne-imeyili yomntu okuthiwa nguZacharia Matsele ekuthiwa ngumongameli weli phulo. Ukuza kuthi ga ngoku andikafumani kwalizwi elisuka kuMatsele.

“Ndimthumelele ii-imeyili ukusuka kweyeKhala kulo nyaka, kodwa andikafumani kwampendulo. Xa ndimfowunela uvele athi uxakekile. Ndifuna imali yam,” utshilo uNdlazi ethetha nge-imeyili nephephandaba I’solezwe eseSaudi Arabia.

Le nkampani i-ECHCS akucaci nokuba yalitshintsha kusini na igama layo, nanjengoko abantu abebesebenza kuyo bekwiBuffalo City Housing Primary Co-op (BCHPC) ngoku.

Ibhanki esetyenziswa ngabakwa-ECHCS yiFNB logama iBCHPC isebenzisa iNedbank.

Isithethi kwisebe lohlaliso loluntu eMpuma Koloni uLwandile Sicwetsha uthembise ngokuwulandela lo mba, esithi le nyewe kufanele isiwe ngqo kwibutho lamapolisa ooKhetshe (Hawks). “Akekho umntu onelungelo lokuthatha imali yomntu esithi uzakumakhela indlu abe engazi nokuba siphi isiza,” kutsho uSicwetsha.

“Le inkampani iECHCS asinalwazi layo futhi nale iBCHPC asiyazi,” kutsho uSicwetsha.

Kwankqu nebhunga elijongene nokubhaliswa kwabo bazakwakha izindlu (National Home Builders Registration Council [NHBRC]) lithi alinalwazi lezinkampani zombini. “Inkampani ezakuqalisa umsebenzi wokwakha izindlu kufuneka ibhalise nathi. Engayenzanga lo nto, ayilandeli migaqo,” itshilo ingxelo esuka kwiNHBRC.

Ukanti uBoniswa Kalimashe uthi naye ufuna imali yakhe eyiR6 500 ayayeyihlawule kwi-ECHCS ngo-2010. “Ndisalindile nangoku. Ndifuna imali yam kuba andisayiqondi ukuba iyakuze iphumelele eyokwakhiwa kwezindlu,” utshilo uKalimashe.

Ngethuba intatheli yephephandaba I’solezwe ityelele i-ofisi yeBCHPC eSouthernwood kule veki ifike kukho abasebenzi abane – amadoda amabini namakhosikazi amabini. Le ofisi imxinwa. Ngaphakathi kubonakala umatshini wokukopa amaphepha, ikhompyutha kwanefowuni yase-ofisini.

Incoko negosa eliyindoda elingakhange livume ukuzichaza ngegama ihambe ngolu hlobo:

Intatheli: NdinguSithandiwe Velaphi, ndize kule ofisi ukuza kuqonda malunga noluhlu lokubhaliswa kwezindlu kuba ndingumntu ofuna ukubhalisa.

Igosa: Thina apha siliqumrhu lokuncedisa abantu abafuna izindlu eziqala kumagumbi okulala amabini ukuya kwamathathu. Xa ufuna ukuba lilungu lequmrhu lethu, uhlawula iwaka leerandi (R1 000) – imali ehlawulwa xa uqalayo. Emva koko kufuneka ukhuphe iR500 yobulungu – imali ekhutshwa rhoqo ngonyaka – kuquka neR350 imali yokujongana neendleko ze-ofisi ekhutshwa rhoqo ngenyanga. Iyonke imali ekufanele uyihlawule, yiR1 850 ukuze ubelilungu lethu.

Intatheli: Uluhlu labalindileyo lumi njani kwaye mna kungandithatha ixesha elingakanani ukuba ndifumane indlu?

Igosa: Qala uyokuhlawula ebhankini uze nerisithi ukuze sithethe. Bakhona abantu abakuluhlu. Asiyazi ukuba uzakulinda ixesha elingakanani kuba sisalinde umhlaba ukuze sakhe.

Intatheli: Ndicela undiphe inombolo yakho kwaneenkcukacha zebhanki ukuze ndikwazi ukuhlawula.

Igosa: Ndicela ufowune kwinombolo ye-ofisi, uzakuyifumana yonke into oyifunayo.

Ukanti ngethuba sitsalele uMatsele, uphendule ngelithi: “Andinguye lo mntu umfunayo, inokuba ucofe inombolo engeyiyo.” Emva koko le ndedeba khange iphinde ibambe ifowuni. Umyalezo we-imeyili ebesiwuthumele kuye khange awuphendule.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za