Iphondo likhalimela abasebenzi abonyelise uMkhize

IOfisi yeNkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane ikukhalimele ukonyeliswa kukaMphathiswa wezeMpilo kuzwelonke, uGqirha Zweli Mkhize, ligquba labasebenzi bezempilo eBhayi ngoLwesibini.

UMphathisw’ uMkhize ebetyelele eBhayi ezokuncedisa kwiphulo lokulwa nolosuleleko lwesibini lweCovid-19, ebonakala inwenwa ngesantya esiphezulu kummandla waseNelson Mandela Bay.

Igquba labasebenzi bezempilo beliqhankqaza ngaphandle kwamasango esibhedlele iLivingstone ngethuba uMkhize ebesenza intetho ngaphakathi. Kwikhasi lalo likaTwitter, iphephandaba iHerald, licaphule enye yeengoma abebezicula besithi “uyinkwenkwe uMkhize makoluswe”. Abasebenzi (Community Health Workers) bakhalazela umbandela wokungaqeshwa ngesigxina.

Isithethi sikaMabuyane, uMvusiwekhaya Sicwetsha, uthi ukonyelisana ngokwezizwe (ngokohlanga), akunandawo kweli lizwe.

“Akukho mntu, kuquka nabasebenzi, onelungelo lokuthuka omnye umntu. Le ndlela yokuziphatha kwaba basebenzi isisigezo, ayifanelekanga, kwaye ayinandawo kuluntu lwethu. Simemelela kwaba basebenzi ukuba bohlukane noku futhi baxolise kuMphathisw’ uGqr. Mkhize,” utshilo uSicwetsha.

Kusenjalo, uMkhize usebenzise iqonga lakhe ukuveza inkxalabo ngokwenyuka kwamanani eCovid-19 eBhayi, ekwachaphazela imimandla efana neSarah Baartman neBuffalo City ngelithi nayo ikwaxhalabisile.

Lo Mphathiswa uthi izinto ukuba azilungiswa ngoku, kungakubi kakhulu ngexesha leKrismesi.

UMkhize uthi indlela eqhelekileyo yokukhusela iCovid-19 kukuhlala endlini, uphume xa kunyanzelekile. Ukwakhuthaze uluntu ukuba luhlambe izandla rhoqo futhi ligcine umgama phakathi komnye nomnye.