Usekela-ngqonyela
weYunivesithi iRhodes, uGqirha Mabizela ubongoza amashishini abucala amakhulu eli ngelithi mawakhuphe u-10% werhafu ukuncedisa ekuqinisekiseni ukuba injongo yemfundo
yasimahla iyafezeka.
Uthethe oku kwintlanganiso yabafundi nabasemagunyeni
eRhodes nalapho ebeya kuphendula iimfuno zabafundi ebezichazwe kwintlanganiso
yabafundi ngo-10 ekuseni nge-21 kaSeptemba.
UMabizela
uthi udanile yimpendulo karhulumente ngakumba obaluleke kangaka wokufikelela
kwabafundi kwimfundo eluqilima. Utsho esithi akukho namnye umntu ofanele
ukuvinjwa ithuba lokufumana imfundo ephakamileyo ngenxa yokuba evela kwikhaya
elihlelelekileyo.
“Imfundo masingayiboni njengenkcitho koko siqaphele inzuzo
esinokuyifumana njengesizwe xa siqinisekisa ukuba ulutsha lwethu lufumana
imfundo ekumgangatho ophakamileyo,” utshilo uMabizela.
IRhodes
ibhale uxwebhu eza kulithumela kwisebe lemfundo ephakamileyo kweli malunga
nemiba yokonyuswa kwemali yokufunda equka le ibalulwe ngasentla. Nangona
abafundi bebezivuyela ezinye zezinto ezibalulwe nguGqirha. Mabizela kule
ntlanganiso, bashiyeke bengonelisekanga ncam kuba besithi eyona nto
abayilwelayo kukuba bonke bafumane imfundo yasimahla.
Bathi abakhalazeli ukuba
kuzonyuswa imali yokufunda kulo nyaka uzayo, koko bafuna kungahlawulwa konke
konke. Ngoko ke, ukumiswa kwenkqubo yokufunda eRhodes kubonakalisa
ukungoneliseki kwabafundi yingxelo yomphathiswa wemfundo ephakamileyo, uBlade
Nzimande malunga nokonyuswa kwemali yokufunda kumaziko emfundo ephakamileyo
kweli.
Aba
bafundi bathi abazokwamkela akunyuswa kwemali yokufunda kulo nyaka uzayo.
Bacebisa ukuba iyunivesithi yehlise imali yokufunda kancinci kancinci ze kude
kufikelelwe kwinqanaba apho abafundi banikwa imfundo ephakamileyo yasimahla.
Phezu
koko, abafundi banyanzelisa abasebenzi baseRhodes abaqeshisa ngezindlu
zokuhlala abafundi ukuba behlise imali abayibizayo. Bathi abafundi abafikeleli
kwezi zindlu kuba ziyadura.
IRhodes
ayikachazi ukuba iza kuyinyusa kangakanani imali yokufunda kulo nyaka uzayo.
Kodwa kulindeleke ukuba izigqibo eziza kuthathwa ziiyunivesithi zoMzantsi
Afrika kuquka iRhodes zihambelane nengxelo kaBlade ethi uchatha ozokongezwa ze
angadluli ku-8%.
Halala, utshatile uMama Joy!