Isahamba kanje xa izakulunga?

Umphathiswa wezemali kazwelonke, uPravin Gordhan kulindeleke ukuba avele enkundleni yamatyala ngezityholo zobuqhophololo. Nexabiso leranti lehlile; ekuqaleni kweveki ibipha ku R13.50 xa imataniswa neDollar yaseMelika, ngoku umntu uyakuthenga iDollar enye ngeR14.41 kwaye lisiya lisenyuka eli xabiso. Yonke le nto ithetha ukuba kuzakwenyuka amaxabiso ezinto esizithengayo mihla nezolo kunye neenkonzo esizibhatalelayo.

Igunyabantu lezoTshutshiso likaZwelonke (NPA) lime kwelokuba limfuna enkundleni eGordhan ngomhla wesibini wale nyanga izayo.

Ingxaki ngezinto ezinje yeyokuba iimarike zaphesheya ziye zoyike xa zibona kungekho zinzo kubaphathi bezoqoqosho kwizwe, baqale baleqe ukuthengisa izabelo zabo ngelithi abafuni ukutshonelwa yimali. Lo mcimbi kaGordhan siyathemba ukuba uyakukhawuleziswa singadanga sabethakala kakhulu kuzinzo lwezoqoqosho.

Xa siphosa amehlo kwezinye iindaba abafundi baseKapa batshisa izakhiwo kwaye kwesinye isiganeko eCape Peninsula University of Technology ‘abafundi’ bavalele abagcini-masango ababini kwesinye sezakhiwo ezitshayo. Ngethemsanqa abacimi-mlilo babakhuphe besaphila nangona imiphunga yabo ibigcwele umsi. Lityala eli.

Aba bafundi bebeneenjongo zokubulala kwa le nto yokuba bangaboni nto ibheke ecaleni ngokuvalela abantu kwisakhiwo esitshayo. Noko, kusathe nkcwe ephondweni laseMpuma Koloni. Iintatheli zethu zimane ziyokroba.

Abafundi bebakala leshumi elinesibini bazakuqala ukubhala iimviwo kungentsuku zatywala. Nanku umbuzo: besakuphumelela kwizifundo zabo bazakuhamba bayephi? Abo bebefake izicelo kwiiyunivesithi bazakungena njani, kusekho abafundi abenza unyaka wokuqala abangagqibanga kulo nyaka? Kucace mhlophe ukuba lo nyaka wezifundo kwiiyunivesithi zeli ume ngxi.

EyeDwarha iba yinyanga yokugqibela kwiiyunivesithi ezininzi. Kuzakunyanzeleka ukuba kugqityezelwe kulo nyaka uzayo kwaye siqinisekile imfundo esimahla iyakube iliphupha nje ngoba akubonakali ngathi yinto enokugqitywa kwa msinya.

Kumba womphathiswa wezemali kunye nalo wabafundi kufuneka izisombululo ezikhawulezayo.