Isebe lezobulungisa linikwe igunya lokubhena

Isebe lezobulungisa kuzwelonke lidize ukuba lilinikiwe igunya lokubhena yinkundla yezibheno kwisigqibo sokukhululwa ngengqawule uJanusz Walus owadubula wabulala uChris Hani ngo1993.

Ngenyanga yoKwindla kulo nyaka inkundla ephakamileyo ePitoli yakhupha umyalelo wokuba akhululwe kwiintsuku ezilishumi elinesine emva koko uWalus yaza la nkundla yala ukunika umphathiswa wela sebe ithuba lokubhena.

Ukungamnkelwa kwesicelo sokubhena kukaMasutha yila nkundla kwabangela ukuba lo mphathiswa abhenele kwinkundla ephakamileyo yezibheno ngeenjongo zokuphikisa ukukhululwa kukaWalus.

Ijaji yenkundla ephakamileyo uNicolene Janse van Nieuwenhuizen wasirhoxisa isigqibo sokukhululwa kukaWalus ngenxa yokuba umphathiswa uMicheal Masutha wayefake isicelo sokubhena kwinkundla ephakamileyo yezibheno eBloemfontein.

Othethe egameni lela sebe uMthunzi Mhaga ungqinile ukuba ngenene isicelo sabo sokubhena siphumelele.

Isigqibo senkundla ephakamileyo sokukhulula uWalus ngengqawule asizange samnkeleke konke kusapho lakwaHani owadutyulwa wabulawa nguWalus.

Lo ka Walus sele echithe isithuba seminyaka engamashumi amabini anesithathu eziseleni ngenxa yesi senzo.

Ingxelo yenkundla ephakamileyo yezibheno eBloemfontein ikhuphe ingxielo zokuba ambalwa amathuba okuba singamanyelwa esi sibheno sesebe lezobulungisa kude kube ngunyaka ozayo.

“Ukusukela ngoku sizakulandela amanqanaba omthetho ukuze siqhubele phambili inkqubo yokubhena ngokusemthethweni,”utshilo uMhaga.

Imibutho equka iSouth African Communist Party ivakalise ngamandla ukuchasa kwayo ukukhululwa kukaWalus ngengqawule kuquka nosapho luka- Hani.

Inkosikazi kaHani uLempho Hani waxelela amajelo eendaba ukuba ukukhululwa kukaWalus kungalilishwa kubo.

”Ukuba angakhululwa ngengqawul,e lo nto ingathetha ukuba abukho ubulungisa eMzantsi Afrika,”uthethe watsho uHani.