Isengxakini ingangalala engu-Omotoso

Ligushuze latsho phantsi igqwetha likaMfundisi uTimothy Omotoso (59) ngethuba belisenza intetho yalo kwinkundla yaseBhayi izolo, licenga ukuba kukhululwe ngebheyile ummangalelwa obekhwele emaplangeni ngesizathu sokwenza eso sicelo ityeli lesibini kule nkundla.

U-Alwyn Rossouw olelinye lamagqwetha azamana nokukhululwa kukaOmotoso ebeyintw’ ibila enkundleni exhaph’ amagwebu, ebeka izizathu ezibangela ukuba baqiniseke ukuba lo mfundisi ufanele ukuba akhululwe, axoxe ityala lakhe engaphandle entolongweni, esithi akasiso isoyikiso enkundleni nasebantwini baseBhayi nakubamangali jikelele.

Uchazele inkundla esithi lo ammeleyo yindoda engcwele enegalelo elikhulu kwabadala nabancinci, enemigushuzo ayenzileyo kuphuhliso lwabantu abangathathi ntweni. Uthe abanye babo bantu yayizi zikrelemnqa ezazikhuthuza abantu zixhobile, esithi abanye yayingoo ncanyelweni bemigulukudu nabatyi beziyobisi.

“Le yingangalala, abanye babantwana abanyusileyo bangoosaziwayo kwicala lezomculo neefilimu, kwaye sebenyathele kumaqonga aphakamileyo besambeswa ngeembasa behlonitshwa, uncede abantu eMonti, eBhayi eBloemfontein nakwezinye iindawo kweli lizwe,” utshilo okaRossouw.

URossouw uthe uloyiko lwenkundla oluthi uOmotoso uyakubaleka aphelele emehlweni ukuba unokukhululwa ngebheyile bubuvuvu, watsho esithi amarhamente nezihlobo zakhe ezingaphandle nazo zingayenza lo nto ngaphandle kokuthunywa nguye.

Ebuzwa yimantyi ebihlelele le nkundla uTandeka Mashiyi ukuba obu bungqina butsha aza nabo ngoku kwakutheni ukuba bungazange buvakaliswe ngaphambili ngethuba kwakuchotshelwe isicelo sokuqala.

Le nkokeli iphendule yathi kwakungekho thuba lakuqokelela ulwazi olunjalo lulungiswe kuba kwakusisiphithi-phithi namapolisa esenza eyawo, kukwathe ndii nobuxoki bokuba wayezimela engafuni kubanjwa.“Kuchithwe ixesha elibalulekileyo ngamapolisa nenkundla kusenziwa unobenani kuxhatshazwa iimali zabarhafi,” ushiye elo.

Umtshutshisi uNceba Ntola uphakame emva kokuba umantyi eyalele ukuba limiswe ityala de kube ngumhla wesibhozo kule nyanga izayo, esithi urhulumente wongeza amanye amatyala amahlanu kulo kaOmotoso, emangalelwa ngokuba namaphepha eVisa yomgunyathi nokubandakanyeka kubuqhophololo ngokwasemthethweni.