Isidumbu ngenxa yengxabano yokuxhelwa kwehagu

INGXABANO evuke emva kokungavisisani ngendlela emayilandelwe ngethuba kuxhelwa ihagu kumzi othile kuMahasana kuGatyana ngoLwesihlanu ikhokelele ekuhlatyweni kwenkwenkwe yabhubha.


Isithethi samapolisa akuGatyana uKapteni Jackson Manatha uthi le nkwenkwe, eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25), ifike kulo mzi yabe sele ifuna ukukhokela ekuxhelweni kwale hagu.


“Iqale apho ingxabano. [Le nkwenkwe iswelekileyo] ikhuphe imela, ze nale nkwenkwe [ibanjiweyo], eneminyaka elishumi elinesithoba (19), yakhupha eyayo imela, yahlaba le nkwenkwe eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu yabhubha,” kutsho uManatha.


UManatha uthi le nkwenkwe, eneminyaka elishumi elinesithoba (19), ibanjiwe emva koko yabekwa ityala lokubulala.


Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi wakuGatyana ngoMvulo.