Isigwebo kowadlwengula intwazana, wayiqhaqha umzimba

INKUNDLA yenqila yaseMonti imgwebe ubomi izihlandlo ezibini uSakhumzi Hlamvana kulandela ukufunyanwa enetyala lokubulala kwanokudlwengula intwazana eneminyaka engamashumi amabini anesibini.

Yayiyinyanga yoKwindla ngo2014 ngethuba uHlamvana (33) epheleke le ntwazana besuka kumzi wentselo eLusizini eMacleantown cebu kuhle eMonti. Isithethi samapolisa uKapteni Nkosikho Mzuku uthi emva koko, umzimba wale ntwazana wabonwa udunduluzile amathumbu engaphandle.  Intwazana le yayinempawu zodlwengulo.


“Ityala lokubulala kwanelokudlwengula laye lavulwa kumapolisa aseMacleantown, ze emva koko wabanjwa uHlamvana,” kutsho uMzuku. Inkundla yaseMonti igwebe lo kaHlamvana ubomi ngokubulala, ze yaphinda yamgweba obunye ubomi ngokudlwengula.


Inkumanda yamapolisa aseMacleantown uKapteni Jacob Ntleki usiqhwabele izandla esi sigwebo, watsho etyibeka uConstable Lungiswa Goniwe ngomsebenzi omhle awenzileyo ngethuba ephanda elityala.