Isihelegu sokugetyengwa kukaBhishophu Fandaleki

SISASHIYEKE singumnqa ongakholelekiyo isehlo sokubhubha kukaBhishophu Thembinkosi Fandaleki wamaWisile akumazantsi eAfrika kwisithili saseClarkebury eMthatha, obhubhe emva kokudutyulwa ngobusuku bangoMvulo kwisixeko saseMthatha.

Kwikhasi likaFacebook wamaWisile, le tyalike ithi lo nyawo-ntle ubhubhe ngenxa yengozi yemoto kodwa isithethi samapolisa aseMthatha uLieutenant Colonel Mzukisi Fatyela uthi uFandaleki ubhubhe ngenxa yenxeba lembumbulu kumzimba ongentla.

Ngenxa yoku, amaWisile ashiyeke enyembezana kuba ecinga umsebenzi owenziwe sesi sicaka sikaThixo ngethuba sisaphila emhlabeni. UFatyela uthi ityala lokubhubha kukaFandaleki livuliwe kwisikhululo samapolisa eMadeira. “Umfi ubhubhele kwisitalato iCraister eMthatha. Simfumene enenxeba lokudutyulwa kumzimba ongentla, yabe imoto yakhe ingqubeke ecaleni. Sikholelwa ukuba ubhubhe ngenxa yokudutyulwa,” utshilo uFatyela. UFatyela uthi amapolisa aphanda ityala lokubulala, akukabanjwa mntu.

Encokolela I’solezwe ngale nceku kaThixo, uBhishophu omkhulu wamaWisile uZiphozihle Siwa uthi basothukile ngumphanga kaBhishophu Fandaleki.

“Yintlekele le! Ukushiywa ngulo Bhishophu eselula, esasisebenzela kakuhle. Ebephume izandla kwibandla lamaWisile, usebenze jikelele kwiindawo ezininzi esingabalula kuzo eNelspruit eMpumalanga, wasuka apho waya eKhayelitsha eKapa phambi kokuba abuyele kowabo eMount Frere [kwaBhaca]. “Umgangatho wesikhokelo sakhe uye wagqama kangangokuba waye wonyulwa ukuba abenguBhishophu kwisithili esinembali saseMgwali. Besisamjongile ke, ngethemba elikhulu njengokuba kusehla esi sihelegu,” utshilo uSiwa.

Ephendula malunga nabakuvileyo ngesizekabani sokubhubha kukaFandaleki, uBhishophu Siwa uthe: “Asikwazi ke ukuyingena leyo, lo msebenzi sizakuwuyekela emapoliseni. Into esiyaziyo kukuba ubhubhe ngenxa yengozi.” UFandaleki uyakungcwatyelwa kwaBhaca [Mount Frere] ngomhla weshumi kule nyanga.