Isikade iinkomo zekhazi!

Ndihlala ndisithi akukho nto ikukuba yinkulu. Enokuba sele ifuna ukuba yindoda yokwenyani, njengawo onke amadoda athi akhule abe nobomi bawo, yona ibophelelekile.

Mhlawumbi iinkulu eziya kufumana ubudoda bokwenene zezo zikhuliswa ngendlela yesilungu yokukhulisa abantwana. Ezikhuliswa ngokwenkcubeko yesiXhosa yokukhuliswa kwenkulu mazincame!

Iinkomo zekhazi, xa bengasekho abazali, zilunge kwinkulu. Ndike ndibone ixabanisa ke le nto kweminye imizi, iinci zinkqangisa inkulu ukuba izahlulele kwiinkomo zekhazi, ufike neentombi zifuna isabelo kwiinkomo zomsakwazo. “Andinongafumani nto kwiinkomo zomsakwethu.”

Inkqange itsho intokazi engazi nto, ibalele ukuzalisa esayo isisu ngeenkomo zekhazi lomsakwayo. Apha kumakulinganwe wedemokhrasi ke lifika lime gomololo elo bango, kuthiwe nazo zizelwe ngumninimzi ngako oko zinelungelo kwizinto zabazali.

Ndiye ndinqwenele ukunga bendiyiloo nkulu inkqangiswayo ziinci, nebendiyakuthi ngokusesikweni mazinikwe ubunkulu ukuze mna ndithathe ubunci.

Kakade esiXhoseni inkulu iyaphelelwa bubunkulu xa iimeko zifunisa njalo, kuba kaloku ubunkulu bunoxanduva lokumiwa komzi wabaninimzi bakuba bengasekho.

Xa ke ingakwazi ukukwenza ngokufezekileyo oko inkulu iyabuhluthwa ubukhulu. Kude kwakho iqhalo elithi “zikho izityhifili zeenkulu ezigabulela iinci izigcawu.”

Njengokuba iinkomo zekhazi zilunge kwiinkulu bakuba bengasekho abaninimzi akuthethwa ukuba zilunge ukuba zidliwe yiyo.

Kambe ke akukho nanye kwizinto zabazali ekuthiwa yeyokudliwa yinkulu; inkulu ayidli iyagcina. Igama elithi “indlalifa” alisingise ekudleni koko kwigunya layo kwizinto zabazali njengomphathiswa, nto ezo zililifa ke kuba ayizisebenzelanga.

Ukungqina, nakoonyana behlwempu ikhona indlalifa. Kambe ke zikhona iinkulu eziziindlamafa, ezo ke zezo zidla iinto zabazali zakugqiba zingalufezi uxanduva lwazo.

Intombi yakwenda iba nezinto zasenkcubekweni yokwenda ekufuneka zenziwe. Umzekelo, umendi ongagqitywanga ukulotyolwa (akugqitywa ukulotyolwa, lowo ke ngumcimbi wenye imini) akaziselwa iimpahla emzini wakhe, ngokwale ndlela ikhoyo ke yokwendisa.

Intombi eselwa iimpahla yelotyolwe ngokufanelekileyo. Nomtshana unesithebe esisodwa nelungelo lokondliwa kulonina.

Elo bango ke lingesizathu sokuba unezinto zakokwabo ezilapho kulonina nezigcinwe ngokomthetho wolwendiselwano.

Umntwana wentombi engalotyolwanga akanalo ilungelo nebango lobutshana, uyafana nje nabanye abantwana bekhaya; akangomtshana. Ezo nto zokutefiswa komtshana ke zenziwa ngekhazi elakhutshelwa unina.

Xa umendi esuka kokwabo, abe ebeneentsuku apho kokwabo nazichithe ngaphandle kwesizathu esinyanzelisayo, xa abuyela emzini ubuya nengobozi.

Umfazi akakwazi ukuya kuchitha iintsuku ezibalekayo kokwabo ze xa abuyayo abuye ejingisa izandla okomntwana. Ukubuya ngezandla kuntonye nokuba usuka ebuhilihilini bakhe, abe akasengo mfazi ke xa kanti uke ahilize.

Kufuneka abuye nengobozi izele yimibuliso yakwamkhozi; afike aphungise uninazala noyisezala, abike ukuphila kwabazali bakhe kokwabo. Leyo mpilo ke ibonwa ngaloo mbuliso usengobozini. Umbuliso lowo ke wenziwa ngeenkomo zekhazi.

Umfazi uhlala ahlale agugelwe emzini. Luxanduva lekokwabo ke ukusuka luye kumambathisa angahambi ze umntwana emzini, uve kusithiwa uselwa i-emela. Leyo emela ke yenziwa ngeenkomo zekhazi.

Ndingazibala zibe ninzi ke mawethu izinto eziyimisebenzi yekhazi, nezide maxa wambi zibe ngaphaya kwalo elo khazi. Bakuba bengasekho ke abazali, uxanduva lokulolonga iintombi zekhaya ekwendeni luxanduva lwenkulu; akufananga iinkomo zekhazi zalunga kuyo nje.

Wamusa ke nkulu ukudla iinkomo zekhazi, zivuswa noba sezafayo. Wamusa wena nci ukunyolukela imibengo yenkulu, iyarhudisa! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.