Isikolo esasisebenza uCharlotte Maxeke eDutywa

Emva kokuba iphephandaba ‘Isolezwe lesiXhosa’ likhuphe inqaku ngesiduko sakwaGatyeni, nalapho sithe sabalula inxaxheba eyenziwa ngumolokazana weso siduko uNkosk. Charlotte Maxeke ekukhuliseni nasekuphuhliseni imfundo yesizwe soMzantsi Afrika, uvelile umfundi ofuna ukuqonda ukuba kanye kanye sesiphi esi sikolo wayefundisa kuso phaya eDutywa.

UNkosikazi Charlotte Maxeke wakhe wayokusebenza eDutywa kwisikolo sabucala kwilali yaseLotha. Apho waba ngutitshalakazi nomyeni wakhe uMarshall eDutywa kwilali yaseLotha kwisikolo esasisekwe nguEnoch Mamba owayesisibonda salo lali emva kokuba uEnoch lowo wayexabene nabeLungu basedolophini eDutywa.

Bathe belapho eDutywa uCharlotte Maxeke nomyeni wakhe badumisa intetho edumileyo ethi, “Mayibuye iAfrika” eyayikhuthaza ukuba abantu bafunde ukuze loo mfundo yabo babuye bayityale esizweni ngokudlala indima yokuphucula abantu.

UMnu Enoch Mamba owayengumseki wesi sikolo wazalelwa eBhofolo phakathi kowe-1861 nowe-1862. Iminyaka yakhe iyaqikelelwa kuba ngelo xesha kwakungabhaliswa minyaka yokuzalwa, kwaye nekhalenda zingaziwa ngumzi oNtsundu.

Ufunde phaya eNxukhwebe waze ngowe-1880 wafumana isiqinisekiso sobutitshala. Usebenze iminyaka emithathu njengetitshala waze emva koko waya kusebenza e-ofisini kaMantyi eDutywa njengetoliki kaMantyi uCharles Bell ekwangumabhalana oncedisayo.

Elo lizwe laseDutywa walithanda waze wafumana inxiwa eLotha nalapho wathi wabekwa njengesibonda nguMantyi uCharles Bell. Ngowe-1901 wathi wagxothwa emsebenzini wakwaMantyi kuba exabene nemantyi uMnu. T.W. Brownlee.

UCingo, W.D. kwincwadi yakhe ethi, ‘Ibali labaThembu’ umchaza ngolu hlobo lo kaMamba nendima yakhe yokwakha isikolo semfundo ephakamileyo kwilali yaseLotha: “Umfi Enoch Mamba wayeyinto yakwaNdzaba eLotha kummandla waseDutywa, kufuphi nesinala yaseClarkebury. Wayengenamfundo ingakanani, nakuba wayekhe abeyitoliki yemantyi eDutywa. Kodwa wayenengqondo yemveli engumangaliso, ikhalipha lesithethi, into ebide maxa wambi inge yondela phantsi. Kanti, hayi, isendleleni. Yakha umzi iwuhlahlela amalungelo awo.

KwiBhunga elikhulu eMthatha ubehlonelwa esoyikwa njengengonyama ngabaMhlophe nabaNtsundu, kwada kwakho nabathi liBhunga likaMamba. Wayengelilo iphahlandlela; engathengi buso bamntu nobukaRhulumente ngenyaniso ayibonayo. Izimvo zakhe zaziphangalele, engajonge mpilo nangeniso yesiqu sakhe ngaphezu kweyesizwe sakowabo.

Wakha wada wenza ilinge lokuvula isikolo somzi oNtsundu esingaphethwe hlelo, “Public School” apho eLotha esasiqhuba imfundo ephakamileyo, iMatric neBA, wafuna iincutshe zeetitshala eziNtsundu ezinentshinga (Degrees) ezihlawula ngeyakhe imali. Esi sikolo saqhuba ixesha leminyaka; kwabuya kwabonakala ukuba inkonjane iliphangele ihlobo; umzi oNtsundu ushwabene yingqele yobusika bengqondo, akwabikho nkxaso, savalwa.”

I’South African History Online’ kwinqaku layo elithi, “A Tribute” Dr Charlotte Mannya Maxeke 7 April 1874 – 10 Oct 1939” elilipapashe kwinkonzo yakwa ‘Google. iyangqina ngokusebenza kukaNkosikazi Charlotte Maxeke nomyeni wakhe kwilali yaseLotha eDutywa.

UXuma, A. (1930) ugqirha waseRhawutini oyinzalelwane yaseNgcobo nowafunda phesheya eMelika naseBritane nowakha wabanguMongameli wombutho weANC xa wayencoma ukusebenzisana kukaCharlotte Maxeke nomyeni wakhe uMarshall wakubalula ukubaluleka kwesiko nesithethe sokuhlonipha komfazi emzini. Wathi, “Ayikho into endandiyithanda neyayindonwabisa njengokubona uCharlotte nomyeni wakhe. Owabo ngokwenkangeleko wawungoweqabane nomhlobo wabasandula kuzimanya. Ngokwesiko nesithethe umfazi akayibizi indoda ngegama, ngokwesiko kufuneka ahloniphe, xa embiza wayesithi, “Yise kaClarke” emhlonipha ngonyana wabo, naye esithi “Nina kaClarke”. Wawungasoloko ungababona bedlalisana njengabantwana. Akendanga uthe gcobho kangangokuba uselonwabeni, noninazala baphethene kakuhle.”