Isililo sikabawo uRanisi Jolobe

Kule nyanga yokubhiyozelwa kobuAfrika ngamaAfrika nelizwe ngokubanzi, ndivumeleni ndiphinde ndityebisele umzi wakowethu ngesinye isikrwaluxa somzi kaXhosa, ubawo uJames Ranisi Jolobe.

Ubawo uRanisi nongomnye wababhali besiXhosa ababephume izandla, uzalelwe kweli phondo loovulindlela, iMpuma Koloni, ezalelwa kuTsolo, ngomhla wama25 kweyeKhala, ngomnyaka ka1902.

Eyona ncwadi ibalasele kakhulu phakathi kwezo wazibhalayo, yincwadi yemibongo eshicilelwe ngomyaka ka1936, nenesihloko esithi UMYEZO.

Umyezo ke sazi sonke ukuba yindawo esisitiya ekufumaneka kuyo iindidi ngeendidi zezityalo; iintyatyambo; imifuno kwaneziqhamo.

Ndiqinisekile ukuba lo makhwekhwetha wombhali wafikelela kwesi sihloko esazi ukuba le ncwadi yakhe yengqokelela yemibongo, njengomyezo, iza kubandakanya iindidi ngeendidi zemixholo echaphazela intlalo ngokubanzi, mixholo leyo iza kuvuselela iingcinga zomntu ngobuntu bakhe, ize kwelinye icala ixhobise isizwe ngeendlela ezifanelekileyo zokujongana nemveli yethu maXhosa, kwakunye nenkolo yobuKrestu eyayisentsha ngelo xesha.

Mve lo mbhali wasemaXhoseni aseAfrika kulaa mbongo wakhe usisihloko sithi ISILILO SIKANDLEBENDE, xa ethetha namaAfrika esenjenje: “Phakamis’ingalo Afrika!

Khangela phezulu, nyana kaNtu! Intliziyo yakho mayinabe. Zondelel`imfundo usebenze; ngamhla uthile wovuna isiqhamo. Unganakho na ukuthulula, ungakhange uthe eselweni?

Iintlanti zamadoda ziphelile, ngokhotha-bexathula abanjalo. Vukani bandlandini likaNtu.” Kulo mhlathi ubawo uJolobe waleka umsundulu kwisikhalo somnye umbhali wakwantu, umAfrika omhle, ubawo uRubusana, mhla wasivezela ukuba ukumka kweenkomo zethu, kwaba sisiqalo sokuhlwempuzeka nokudeleleka kwethu njengesizwe.

Ukhuthaza isizwe selo xesha kwanesi sala maxesha siphila kuwo ngelithi umqondiso wobutyebi bethu maXhosa, iinkomo, azisekho kuba nanzi iintlanti ziphelile, xa kunjalo ke makufundwe, makusetyenzwe ukuze kuphile umntu.

Uthi akukho ndlela yimbi yokuphila ngaphandle kokuba kuphakanyiswe izandla, kwaye kuko konke esikwenzayo singamaAfrika, sibalumkele oomaqhingashe babaxathuli abakholose ngokusibetha ngemfe iphindiwe kumaphulo ethu okuphakamisa isizwe sakowethu.

Ndimthanda ubawo uJolobe nakomnye umbongo wakhe kwakule ncwadi, nosihloko sithi: “AKUKHO HLELO APHO!” Kulo mbongo ubawo uJolobe ukhalimela amaXhosa aseAfrika ngokuvumela kwawo ukwahlulwa abe zintlabazahlukane ngenxa yeendlela ezahlukileyo ezazibekwa ngeloo xesha ngokuphathelele kunqulo lwenkolo yasemzini.

Kwimiqolo yesithandathu neyesixhenxe yalo mbongo, ubawo uRhanisi uchaza banzi ngohlobo anqula ngalo amaRhabe anamaculo aneetshanti zakowawo kwaNtu; athethe ngamaWesile akwaDyan angena izixeko exhobisa ethe qhiwu iincwadi zenkolo; amaRoma namaTshetshi anyathela ngesidima ethe qhiwu umnqamlezo nesiqhumiso; amabandla eZiyoni abhaptizela emilanjeni, njalo njalo.

Xa equkumbela le nkcazo, ubawo uRanisi uvakala egxininisa ngelithi le yantlukwano elona futhe layo kukusenza buthathaka singamaXhosa aseAfrika, kuba eli Zulu kuyiwa kulo ngamaAfrika eziintsalu, “wonke umntu uya kuzivulelwa iingcango kungabuzwa hlobo anqula ngalo namvelaphi yakhe.”

Okona kundichukumisayo kulo mbongo kukuba lo bawo, kwakwesa sithuba soo1930, nangona naye wayesele eguqukele kwinkolo eze nabefundisi bakwaLizwi bamazwe asemzini, wakhawuleza wayibona ingozi yokungabambani kwamaAfrika, akholelwe kwindlela enye emakunqulwe ngayo xa sele esithathile isigqibo sokuguquka nokugqobhoka.

Ingcinga kabawo uRanisi ndiqinisekile yayisukela kulwazi lwakhe lokuba amaXhosa aseAfrika phambi kokufika kwabefundisi beLizwi, ayenendlela awayephila ngayo.

Le ndlela ayephila ngayo yayinonqulo olunengqiqo yobuAfrika kwaye isekelezelwe kwiinqobo zobomi baseAfrika.

Ngelo xesha umntu wayemazi umntu! Ngelo xesha umntu wayephila ngamntu! Ngelo xesha isizwe sasimanyene siyimbumba yamanyama!

Kule mihla amawethu axabana ngendlela yokunqula kude kuvuswe amahlelo amatsha aphikisana namanye, ade athiywe namagama amatsha.

Khawufane ucinge xa bekunokuthi amathile angavisisani ngendlela yokwenziwa kwembeleko; indlela yokwenzelwa kwentombi intambo enkulu; indlela yokusiwa kwamakhwenkwe esuthwini; indlela yokubuyiswa komninikhaya; indlela yokunxibelelana noQamata namathambo alele ukuthula.

Ucinga ukuba bekuya kubakho abantu baloo mzi uthile wamaXhosa abebe nokude baxolele ukutshintsha iziduko zabo kuba kungabonwa ngasonye ngenkqubo yesiko?

Unotshe, ayinakuze yenzeke loo nto, phofu kunanamhla ayikenzeki! Umfundisi uRanisi Jolobe usifundisile ukuba nokuba besinokuguquka kangakanani na kwiinkolo zethu, isizwe sithi ukuze siphumelele, siloyise utshaba olungxamele ukusitshabalalisa, simanyane!

Ngaloo mazwi, xa sisiya kusuku lokubhiyozelwa kweAfrika, ndithi siveni isililo sikabawo uJolobe, umanyano ngamandla kuthi maAfrika!