Isilumkiso esivela kwisebe lemisebenzi yoluntu

Isebe lemisebenzi yoluntu kuzwelonke lilumkisa uluntu ngokubanzi ingakumbi abafundi bebanga lesibhozo ukuya kweleshumi, kwanabo banemfundo enomsila, nabakhangela umsebenzi malunga noonqalintloko abathembisa abantu ngezithuba zomsebenzi.

Ingxelo yeli sebe ithi, aba nqalintloko bajikeleza besithi banezithuba zemisebenzi yabo basaqalayo ekumakhulu asixhenxe. Aba bathembisa ngokufaka abafundi okanye abo badinga umsebenzi kwizithuba kwiindawo ezahlukeneyo eziquka ukwakha, ukuchwela nezinye.

Nangona eli sebe lineenkqubo zokuqeqesha ulutsha kwizakhono ezahlukileyo, kodwa bathi abaqeshi ngokusebenzisa amakhasi onxibelelwano.

Ingxelo yeli sebe ithi, intengiso eloba abantu ukuba bafake izicelo zomsebenzi kwaba nqalintloko ivela kumntu ekuthiwa nguEster Sehlapelo kunye noLinda Kaseke, kwaye isebe lithi aba bantu abaziwa leli sebe. Eli sebe lithi lingumqeshi osemthethweni ngoko alinakuze likhuphe izithuba zomsebenzi kumakhasi onxibelelwano kuba oko kukhuphela ngaphandle abo bangenako ukungena kula makhasi.

Eli sebe lithi nabani onqwenela umsebenzi kweli sebe makafake isicelo ngeendlela eziqhelekileyo, abantu bohlukane nokunikisa ngeenkcukacha zabo kubantu abangabaziyo. Isebe lithi zilishumi elinanye iiofisi abanazo kwiinqila zelizwe loMzantsi Afrika ezinokusetyenziswa ngabo bafuna ulwazi.

Kwiveki ephelileyo, isebe leentolongo kweli leMpuma Koloni likhuphe ingxelo lilumnkisa abantu abaqhatha abantu abathembisa uluntu ngemisebenzi bethatha imali yabo. Ela sebe lithi oku kubangela ukuba abantu balahlekelwe ziinkcukacha zabo lo gama bekwalahlekelwa nayimali eninzi.

Umntu ngamnye uhlawuliswa imali ekumawaka amathandathu eerandi ukuze athenjiswe ngomsebenzi ongekhoyo.

Isebe lemisebenzi yoluntu linenkqubo ebanzi ejolise ukunika ithuba abo basandula kuphuma esikolweni, nabo balungiselela ukugqiba izifundo zabo kumaziko emfundo ephakamileyo ngokuthi libafake kumasebe ahlukeneyo karhulumente.