Isitshingitshane eStrand!

UPamela Nano osinde ngezikasibi angawelwa luphahla lwendlu, ubonisa isitya seDSTv esiwele kanye kwindawo ebeme kuyo.

Uthi usindiswe ngamawabo ukuba angawelwa luphahla lwendlu yakokwabo uPamella Nano onama45 yeminyaka.

Oku kulandela ukufika kwesitshingitshane somoya esisiphule uphahla lomzi ongaziwayo kwilokishi iAsanda eNomzamo eStrand, ngokutsho kukaNona ‘kuvakele isandi ngokungathi yinqwelontaka endizela kufutshane’.

Ngokwengxelo yabahlali abaziboneleyo, kubonakale into ebhabha phezulu ngathi yibhola yomlilo ebomvu yabe inesandi ngathi yinqwelontaka, bathi xa sele isondela baqaphele ukuba ingathi ngumsi onomsila babaleka bangena ezindlini.

UPamela uthi yena ebengaphakathi endlwini esenza into yokuphunga, elungiselela ukuya emsebenzini.

“Bendime ecaleni kwetafile kwigumbi lokuphekela ndisalinde amanzi abile ndizokuphunga, kufike nje into ethi mandisuke kule ndawo bendime kuyo ndikwigumbi lokuhlala ndabe ndibethelwa luvalo, ndazimela ngaphaya kwefestile. Andizazi ukuba bendizimela ntoni kodwa sendibulela amawethu ukuba endisindisile kuba ngendlela endibona ngayo ibingumoya omdaka lowa,” utsho uNano.

Esi sitshingitshane besirhuqa uphahla lwendlu nesifike sathatha elakwa Nano uphahla, yawalahla omabini phezu kwendlu esecaleni kwakaNano loo maphahla.

Ukanti intwazana ene14 leminyaka ibilungiselela ukuya esikolweni, ithi ibone yonke into kwaye ayazi ukuba isinde njani ngethuba kusimka ityotyombe lakokwabo.

UPortia Nxumalo ubalisa athi: “Bendiyokuboleka iayini kumzi okufutshane, ndithe xa ndingena ngesango lalapha ekhaya ndabona umsi ingathi yibhola usondela, ekuqaleni bendicinga ukuba kuyatsha kodwa ndiqaphele ukuba ngumoya ongathi unomsila, umama uye wandikhwaza ukuba mandingene kuba mna bendisafuna ukubukela. Ndithe kanye xa ndibeka unyawo ngaphakathi endlwini yangathi lo msila unyuka nam kodwa kwaphuncuka uphahla lwetyotyombe necala lendlu.”

Umama wale ntwazana uAngie Nxumalo, uthi ebevela kumthandazo wasekuseni ecaweni yakhe kwaye simothusile isitshingitshane esifikileyo.

USithembiso Weduwedu nguye oncede usapho lakwaNano ngophahla olutsha emva kokuba uceba uSimthembile Mfecane ebaxelele ukuba umasipala unceda abantu basematyotyombeni kuphela.