Isube imiphefumlo kwakhona iAvanza

EMVA kwengozi emasikizi yeAvanza esube imiphefumlo yabongikazi kufuphi neQonce ngoLwesibini, kuphinde kwabhubha abantu ababini kwangenxa yeAvanza eNgqamakhwe kubusuku bangoLwesibini.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi, le ngozi yenzeke kufuphi nelali yakuMekeni. Kurhanelwa ukuba umqhubi ebesele utywala ngethuba eqhuba le Avanza. “Le ngozi ibangele ukubhubha kwentombazana ekwiminyaka elishumi elinesibhozo kwakunye nomfana oneminyaka elishumi elinesithoba. Bobabini babhubhe ngoko nangoko emva kokubhukuqa kwale Avanza,” kutsho uManatha.

Abantu abahlanu, kuquka nomqhubi, bathe bonzakala kule ngozi.

“Baye babalekiselwa kwisibhedlele saseGcuwa lo gama omnye kubo eleqiselwe eMonti,” kutsho uManatha.

Umqhubi ubekwe ityala lokubulala ngokungenanjongo kwanokuqhuba esele utywala.

Kusenjalo, ingozi emasikizi eyehle eQonce ibangele unxunguphalo nanjengoko abamongikazi bebesiya kumsitho wothweso zidanga eFort Hare eDikeni.