Ithala laseNgcobo lifundisa abantwana abangaboniyo

Ithala leencwadi kwidolophu yaseNgcobo libambisene nethala elijongene nabantu abangaboniyo eRhini bazisa ulonwabo lokufunda iincwadi kwabo bangaboniyo.

Anqabile amathala anenyhweba yokuziselwa izixhobo zokufunda ezilungiselelwe abantu abangaboniyo, oku kwenza ukuba usomathala waseNgcobo uViva Dastile angawuvali umlomo leli thamsanqa.

‘“Sibambisene nomasipala wale dolophu sikholelwa ekuziseni iinkonzo kumntu wonke, nethala lizimisele ukuzisa ezi nkonzo kuye wonke ubani onomdla wokufunda. Kubalulekile ukuba nabantu abangaboniyo bangavalelwa ngaphandle kwithala,’’ utsho uDastile.

Amaxesha amaninzi, abantu abangaboniyo bagcinwa emakhaya abayi edolophini, iLibrary for the blind jikelele ifuna ukuyiphelisa lo nto.

UDastile uthi ‘’sifuna abantu abaphantsi komasipala waseNgcobo bazise abantu ababaziyo kwiindawo zabo abangaboniyo abanomdla wokufunda babhalisele ukuba ngamalungu elibrary for the blind, okanye banike ooceba babo izazisi zabo babhaliswe, zonke izixhobo sele zilungile zilinde bona’’.

Ukanti abantu xa sele bengamalungu bazakuthuthwa kwiindawo abahlala kuzo simahla ukuya kwithala.

Esona sixhobo usomathala athi sizakonwabisa kakhulu abo bangaboni kwaphela luhlobo lokufunda olwaziwa nge audio book.

‘’Abantu bazakuzikhethela ukufunda amabali, iincwadi, imibongo kunye neBhayibhile nge audio’’ utsho enochulumanco usomathala.

Abantu abangaboni kakuhle (Partialy blind) nabo bamkelekile kwinkqubo yeli thala, bona bazakuzifundela kwikhumpyutha eyenza amagama abe makhulu kakhulu.

Usomathala umemelela abantu ukuba balisebenzise eli thuba.