‘Ithengiselwe igrigamba indlu yam’

Nomayinethe Jemsana

UNomayinethe Jemsana (67) wasePhakamisa eQonce, lelinye lamaxhoba okuthathelwa indlu yakhe ithengiselwa umntu wangaphandle kwinkqubo yokunikiswa kwezi zindlu.

“Kudala ndilinde indlu eyakhiwe kule ndawo ndakhe kuyo ityotyombe, xa kufuneka ndingenile ndixelelwa ukuba andikho kuluhlu, indoda yeSomalia indixelele ukuba ibhatele imali kula magosa asebenzayo, ithengiselwe igrigamba indlu yam,” elila utshilo uJemsana.

Kwinkqubo yokwakhiwa kwezindlu ezingamakhulu asibhozo, inkampani yokwakha iMMS yakhe kuphela izindlu ezikumakhulu amabini ananye. Isikhalo esiphambili kubahlali bale ndawo kukuba ezi zindlu zinikwa abantwana emva kokuba kwenziwe uluhlu olutsha olungenawo amagama abo.

UZinanguba Maleki (70) igama lakhe livelile kuluhlu libonisa ukuba unegunya kwindlu engunombolo 4154, logama olunye uluhlu luboniswa ukuba wasirhoxisa isicelo sendlu.

“Kufike abafana apha sele ndingenile endlwini, bakhupha iimpahla zam bazibeka esitratweni, ndivule ityala, nabo ndafika emapoliseni bevule ityala, iphi incwadi ethi ndasirhoxisa isicelo sendlu, mabaveze into etshoyo,” uthethe watsho uMaleki.

Indlu kaMaleki inikwe umntu ozelwe ngonyaka ka1976 logama yena ezelwe ngonyaka ka1948.

Ongumphathi wenkampani eyakha ezi zizindlu iMMS uSam Mbanya, uthi abangeni ndawo kumcimbi wokunikwa kwabantu izindlu ePhakamisa.

“Thina sakha izindlu, sinikise ngazo kwisebe lezindlu, ukuba indlu inikwa bani ngubani asinanto yokwenza ngalo nto thina, asimazi ofanelekileyo nongafanelekanga,” uthethe oko uMbanya.

Uluhlu lwamagama oluphethwe ngabahlali alifani nelo liphethwe nguVuko Rhala oligosa lonxibelelwano phakathi kwabahlali kunye nenkampani eyakha izindlu, amagama athile achazwa ukuba azirhoxisa izicelo kuluhlu oluphethwe nguRhala.

Indlu nganye kwezi yakhiwe ngemali ekwikhulu neshumi elinethoba lamawaka eerandi( R119- 000). UDora Ntsabo (68) uthathelwe indlu kwangumntu omtsha atyhola ukuba uthunyelwe nguVuka Rhala neqela lakhe.

“Sonke asifumani kwezi zindlu, sikhutshwa kuluhlu ngabantwana abazintanga zabantwana bethu, sineminyaka silinde izindlu,”utsho uNtsabo.

Uceba wakwa Wadi 25 uMthetheleli Kolela, akafumanekanga ukuphendula kwezi ngxaki.

Othethe egameni lesebe lokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni uLwandile Sicwetsha, uthi ngumcimbi kamasipala lo.

“Umcimbi wokugqithiswa kwezi zindlu emva kokuba zakhiwe ngumsebenzi wakwamasipala, ngabo abaziyo ukuba ngubani olungele ukufumana indlu ngokoluhlu oluphumileyo,” uthethe watsho uSicwetsha.

Isithethi somasipala waseBCM uSamkelo Ngwenya, uthi basebenzisana nabahlali noceba xa benikisa ngezindlu.

“Silandela inkqubo equka uceba nekomiti yabahlali emva kokuba kwenziwe uluhlu lwamagama, kukhangelwa ukuba ngubani ofanelekileyo, yinkqubo ekuvunyelwana ngayo ngumntu wonke,” uthethe watsho uNgwenya.