Ititshalakazi ibethwe ngenqindi yinqununu!

Ititshalakazi uLungelwa Sifumba obethwe yinqununu phambi kwabafundi kwisikolo iPhillip Mtywaku kwilali yasePeelton Umfanekiso: BHEKI RADEBE

ItiTshalakazi yebanga leshumi kwisikolo iPhillip Mtywaku ePeelton, uLungelwa Sifumba ubethwe ngenqindi, wagadlelwa phantsi phambi kwabafundi yinqununu uLinda Kofi.

Le nkosikazi igcuma ziintlungu, umvandedwa noloyiko emva kokungonjwa phambi kwabafundi bebanga leshumi abathe bathathela kubo uxanduva lokuyinqandela.

“Ufike ndiza kuqalisa ukunika abafundi umsebenzi wandibuza ukuba ndenza ntoni na, ndamxelela ukuba ndiza kunika abafundi umsebenzi, undiyalele ukuba ndiyeke oko bendikwenza, kamva wohluthe amaphepha ebesendiwanike abafundi,” ucacise watsho uSifumba.

Uthi emva kwengxoxo phakathi kwakhe nenqununu phambi kwabafundi, inqununu iye yamtyhala waya kuwa, yamosela ngenqindi emlonyeni kanye ngexesha awe phantsi.

“Ndinqandelwe ngabafundi, bamtyhala bandiphakamisa, iqhiya sele iye kuwa kude, efuna ukundiphinda, ukuba bebengekho abafundi ngendenzakalise kakhulu,” utshilo uSifumba.

Ingxelo yootishala ithi uLinda Kofi sisibhovubhovu esinomsindo esempumlweni ekukudadala exhaphaza abatishala ngokubathuka.

“Zintathu iincwadi esizibhalele isebe lemfundo sicela ukuba isuswe le ndoda apha, kodwa akukho ntshukumo,” utsho uSifumba.

Ingxelo kagqirha wezonyango, uGqr. Nombasa Mayeko, ithi uSifumba ukrazuke umlomo ngaphakathi, kwaye wenzakele emphefumlweni ngenxa yeli nqindi likaKofi.

Umyeni kaSifumba, uZamikhaya Sifumba, uvakale ekhathazekile sisiganeko sokuthotywa kwesidima senkosikazi yakhe.

“Ufika endlini elila yonke imihla echaza imeko embi asebenza phantsi kwayo ngenxa yale nqununu. Ndifike esikolweni ndihamba nodade wabo, ebomvu ligazi emva kokubethwa yile ndoda, ndazibamba kuba bendihloniphe isikolo,” utshilo uMnu. Sifumba.

Isikolo iPhillip Mtywaku sesinye sezikolo eziqhuba kakuhle eMpuma Koloni nanjengoko besifumene amashumi asithoba anesithandathu eepesenti ekhulwini kwiziphumo zokuphumelela kwabafundi bebanga leshumi kunyaka ophelileyo.

UNkosk. Sifumba ufake ityala kwisikhululo samapolisa saseFrankfort ngaseQonce. Uphando lwamapolisa luyaqhuba kwesi siganeko.

Owayesakuba ngusihlalo webhunga elilawula isikolo, uSandi Toli, uthi ngenene uyazana nokuxhatshazwa kootitshala yile nqununu.

“Kukho ititshala engekangeni nangoku esikolweni ngenxa yokuba yaphathwa kakubi ngulo mfo, akamameli mntu uqhayisa ngolwazi lwakhe, ukrwada akavani nayo nenye ititshala apha,” utsho uToli. Umbutho wootishala iSouth African Democratic Teachers Union kwesi sikolo, ungqinile ukuba uyazana nale ngxaki, uLudwe Gulwa uthe:

“Ewe ikhona intlekele ekumila kunje ethe yaxelwa kuthi silisetyana leSADTU. Ke kuba umcimbi sele ungasentla asinakuthetha ngaphezu koko,” utshilo uGulwa.

Egameni leSebe leMfundo eMpuma Koloni, uMalibongwe Mtima, uthi sele bethathe amanyathelo ngakule nqununu.

“Emva kokuba zifikile kuthi izityholo zokubethwa kwetitshalakazi, isebe liyalele ukuba inqununu iphangele phaya kwiofisi yesekethe eQonce. Sicele enye ititshala ukuba incede abafundi kwizifundo ebezisenziwa yinqununu, ingakumbi kwibanga leshumi, konke oku kwenzeka logama siqhuba uphando ngesi sityholo,” utshilo uMtima.