Ityala lexhwele elixhaphaza amakhwenkwe!

 

Yindoda enamashumi asixhenxe ananye ubudala (71) yaseMotherwell eBhayi ebanjelwe izenzo zokuxhaphaza ngesondo abantwana abangamakhwenkwe abaselula ngokweminyaka.

Le ndoda ibanjiweyo ilixhwele, ivele ngoLwesine kwiveki ephelileyo kwinkundla yamatyala eMotherwell, apho ibifaka isicelo sebheyile, nethe yayalelwa. Iza kubuyela kwakhona enkundleni namhlanje (Lwesine).

Ngokwengxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu, umrhanelwa ubize amakhwenkwe amabini, enye ina13 ngelixa enye ina18, ewabizela endlwini yakhe ekwisitrato iMgwalana.

Eli xhwele libaxelele ukuba liza kubanika amabhanti umntu ngamnye aza kuthi azikhusele kwimimoya emdaka. UNaidu uqhuba uthi ukungena kwabo ngaphakathi endlwini, ubayalele ukuba bakhulule iimpahla azokubafaka ibhanti, emva koko amaxhoba achaze ukuba aye awabinamandla, nekulapho ixhwele eli liye labaxhaphaza ngokwesondo.

Elinye ixhoba lichaze ngesi sehlo ebazalini balo, ze labanjwa eli xhwele. Emva kokubanjwa kwalo kuvele nabathathu besithi ngamaxhoba, bevula ityala ngakweli xhwele ngezenzo zokuxhaphaza ngokwesondo.

Obambele njengeNkumanda yengingqi kwisitishi saseMount Road, uBrigadiya Thandiswa Kupiso, ugxininisile esithi abantu abanje ngomrhanelwa abasebenzisa izikhundla zabo zokuhlonipheka ekuhlaleni beloba abantu abamsulwa, baza kujongana nengalo yomthetho eluqilima.

“Abanye baba bantu benza imikhuba ekuhlaleni ngabantu abahloniphekileyo kakhulu ekufanele ngabona bakhusela uluntu hayi ukubaxhaphaza. Kuza kuqinisekwa ukuba ingalo yomthetho idlala indima yayo ukulwela amaxhoba,” uvale ngelo uKupiso.