Ivela enkundleni inkosikazi emva kokudutyulwa kwegosa likarhulumente

Umfanekiso ka Sakhekile Ndudula othathwe kuFacebook wakhe

INKOSIKAZI eneminyaka engamashumi amane anesine izakuvela kwinkundla kamantyi eMonti ngomso (ngoMvulo) emva kokuba ibanjwe ngamapolisa kulandela isihelegu sokudutyulwa kubulawe ingqonyela yabasebenzi (Chief of Staff) kwisebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni uSakhekile Ndudula.

UNdudula wadutyulwa izihlandlo ezisibhozo kumzi wakhe eCambridge West eMonti ngomhla weshumi elinesine kwinyanga ephelileyo. Wabhubha xa kanye esithi cakatha kumasango esibhedlele iSt Dominics eMonti.

Amapolisa aseMpuma Koloni adize ukuba le nkosikazi ibanjwe kuTsomo, indawo apho wazalelwa khona uNdudula.

Ngethuba kusenzeka esi sehlo, isithethi samapolisa uKapteni Mluleki Mbi wadiza ukuba lo kaNdudula wayehleli nenkosikazi yakhe ngethuba efumana elishwangusha.

Inkumanda yamapolisa aseCambridge uBrigadiya Nomsa Siganga uwuqhwabele izandla umsebenzi owenziwe ngoogxa bakhe. “Bendiyazi ukuba oogxa bam bazakufikelela koyena nobangela wokwenzeka kwesi sehlo,” utshilo uNoganga.