Ivela ezinkundleni indoda ngokubulala enye

Kubanjwe indoda enama-58 eminyaka ubudala ebihlala kumatyotyombe ase-Eugene eGcuwa, emveni kokuba ithe yabulala umfana onama-32 kwindawo yentselo kwakula matyotyombe ase-Eugene.

Ingxelo eziphuma kothethela amapolisa ala mmandla uKapteni Jackon Manatha zithi, oku kwenzeke ngobusuku bangoMgqibelo.

Ixhoba liye lahlatywa kumzimba ongentla labhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo.

UManatha uthi, unobangela wokuhlatywa kwexhoba awukaziwa.

Umrhanelwa uye wabanjwa kwakule ndawo yentselo, sithetha nje ulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla zamatyala eGcuwa kusasa namhlanje ngetyala lokubulala.