Iveza imiboniso yobugcisa iWSU

Isebe lezobugcisa kwiYunivesithi iWalter Sisulu iliphakamisela phezulu igama leli ziko-mfundo kumyhadala waminyaka le, oqhubeka eRhini ngeli xesha sithetha nje. Lo mnyhadala uqale ngomhla wamashumi amathathu kweyeSilimela kulindeleke ukuba uphele ngomhla weshumi kule nyanga.

Isebe lezobugcisa liza kuveza imiboniso yalo phantsi komgomo othi “Fluid Bodies: When bodies remember”, imayelana namashumi asithoba imiboniso yobugcisa eyenziwe ngabafundi abenza unyaka wesibini nabenza unyaka wesithathu ezakuboniswa.

“Siyavuya kakhulu ngale nto izakwenzeka kuba izakubeka igama lale yunivesithi endaweni kwaye iphucule imbonakalo yayo, kunye necandelo layo lezobugcisa. Eli izakuba lithuba elihle lokuba sibonise ngetalente esinayo kweli ziko mfundo,” utshilo umlawuli weli sebe uDee-Ann Leach.

ULeach uthe kulo nyaka abafundi bazakuncedisa ukuqokelela iinkcukacha ngeentengiso, ukwenza amaxabiso, ukubonisa ngemizobo kunye nezinye izinto ezithi zibe yinxalenye yenkqubo yabo.

“Sifuna ukufaka izakhono kunye nolwazi elizakufumaneka kulo mnyhadala kubafundi bethu, ukwenzela ukuba bazibonele ukuba kulindeleke ntoni kubo kwicandelo lenkcubeko, xa bephuma esikolweni. Kufuneka baqale ukuziqhelanisa nemeko yomsebenzi kwangoku,” utshilo uLeach.

Oyena nobangela wokuba sithathe isigqibo sokuba size nemiboniso yethu kulo mnyhadala kukuba sifuna ukususa ingwalasela yenkqubo kwezemfundo, ibeyinkqubo ezakuqulatha zonke izinto ezidingekayo kumfundi, isakhono esifana nokwazisa umsebenzi wakho. Abafundi kufuneka bazifumanele izakhono kanye phambi kokuba bayishiye iyunivesithi.

Isithethi seYunivesithi yaseWalter Sisulu, uYonela Tukwayo uthe, isikolo siyalixhasa eli phulo.

“Ukubonisa ngomsebenzi wobugcisa kwiqonga elifana nalo mnyhadala wobugcisa waseRhini, kunika iyunivesithi iqonga elikhulu lokubonisa ngenqanaba abakulo abafundi bezobugcisa kule yunivesithi. IWSU ityebile ngetalente kumasebe ohlukeneyo kwiyunivesithi ngokubanzi, kwaye iyasivuyisa into yokuba sifumane ithuba lokubonisa ngomsebenzi omhle owenziwa ngabafundi bethu,” utshilo uTukwayo.

Lo mboniso kulindeleke ukuba uqhube de ufike ekupheleni umnyhadala oqhuba eRhini, e-Albany Museum, eSomerset Street.