Ixhegwazana lonyukwe yiswekile ngenxa yovuyo nomothuko!

UMasindekile Magilindana, 70, kwindlu yakhe entsha ayakhelwe ngurhulumente, emva kokuhlala emkhukhwini imifanekiso: buziwe nocuze

Ixhegwazana lelali yakuHombe eLusikisiki, uMasindekile Magilindana, 70, uthi okumenza ukuba isifo anaso seswekile kwakunye noxinizelelo lwegazi zingehli kungenxa yomothuko.

Umothuko lo ulandela emva kokuba wava iindaba zokuba ngosuku phambi kweKrisimesi amagosa karhulumente aza kufika kwakhe ukuzomnika indlu ayakhelwe ngurhulumente emva kweminyaka emithathu yentsokolo ehlala kwityotyombe elivuzayo.

UMagilindana, encokola nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, uthi wothukile kuba xa usokola okanye ungafundanga ebecinga ukuba kunzima ukuba uxhamle kwiinkonzo zikarhulumente.

“Ndisemaphandleni andifundanga, andinanto, ndixhomekeke kwinkamnkam yam nakweyabazukulwana, ngoku ndiye ndithi xa ndiva ezithivini nasemaphepheni xa kuthwa umntu wakhelwe indlu, ndiqonde ukuba lowo inokuba sisifundiswa okanye unesihlobo esiphambili. Kodwa ngoku ndizibonele ukuba uyakhathala urhulumente, akakhethanga batheni.”

Ngoku andide ndithi ncam empilweni, oko kuyandixhalabisa ndingashiyi indlu yam ndingekayihlali. Oko yayonyukile iswekile ngumothuko ayide yehle. Kodwa kunjalo ndiyavuya kuba abantwana bam ndakubashiya nekhaya,” uvale ngelo uMagilindana.

Kweli khaya uhlala nentombi yakhe uNtombozuko, 26, onabantwana bakhe abane nekuxhonyekekwe kubo ukuze kutyiwe ekhaya, kwakunye nonyana wakhe omdala ongaphilanga ngokwasengqondweni.

Aba bantu bebehlala bonke kwityotyombe. UNtombozuko uthi nabo baza kutsho babenekhaya bafane nabanye abantu. Uthi abantwana bakhe xa kunetha ebeye abacelele kwamakhelwane njengoko belivuza ityotyombe kungabikho ndawo yokondlala.

UCeba kaWadi 20 kuMasipala iNgquza, uSihle Ndarane, uthi uMagilindana ngomnye wabantu abaxhamlileyo kwabalishumi elinanye kula mmandla.

Uthi imeko yakhe ibimbi ehlala kubugxwayiba bendlu logama ebehlala nabazukulwana bakhe abaninzi kwakunye nonyana wakhe ongaphilanga ngengqondo.

Uthi oku kubonakalisa ukuba urhulumente olawulayo uyasebenza kwaye useza kuwenza umahluko eluntwini.