Iyakuvulwa nini na iNgcobo Heroes Park?

ENgcobo Heroes ParkUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Kuthintela amathuba emisebenzi ukungavulwa kweNgcobo Heroes Park emva kokuba yathi yakhiwa ngemali eqikelelwa kwizigidi ezibini zeerandi (R2 Million) ngurhulumente weMpuma Koloni.

ENgcobo Heroes Park yakhiwa lisebe lemidlalo nenkcubeko libambisene nomasipala wesithi saseChris Hani nomasipala omncinci waseNgcobo. Othethe egameni lobukhosi baMaqwathi eNgcobo uDabulingwe Nzima, uthi kudala befuna ukwazi unobangela wokuba ingade ivulwe le ndawo.

“Besinethemba lokuba abantwana bazakuqashwa kuba apha eNgcobo sinamanani aphezulu abantwana abangaphangeliyo, imile yonke le nto ngoku,” uthethe watsho uNzima.

Le ndawo inesakhono sokutsala abatyeleli abaphuma kwindawo ezingqonge iNgcobo nanjengoko inomfanekiso oqingqiweyo kaWalter Sisulu, Gqirha uAlbert Bathini Xuma namagama amajoni omzabalazo weANC nePAC kwaneeNkosi zaseNgcobo.

“Kwintlanganiso ebesikuyo kutshanje sixelelwe ukuba nguLindiwe Sisulu ongafumanekiyo egameni losapho lakwaSisulu, andazi ke nokuba akekho na omnye umntu onokumela abakwaSisulu,” uthethe watsho uNzima.

Othethe egameni lomasipala wesithili saseChris Hani, uThobeka Mqamelo, uthi bebenenjongo zokuba livulwe eli ziko ngenyanga kaTshazimpuzi walo nyaka.

“Kwiinkqubo zethu zenyanga kaTshazimpuzi, leyo ke yile nyanga kaChris Hani, besinaso isicwangciso sokuba ivulwe le ndawo nanjengoko nathi sinegalelo kuyo njengomasipala, kodwa ke akubanga njalo,” uthethe oko uMqamelo.

Idolophu yaseNgcobo yenye kwezo zithe zanikisa ngoonyana neentombi kumzabalazo wenkululeko yeli, nanjengoko inkosikazi yokuqala kabawo uNelson Mandela, uEvelyn Mase, ezalwa kule dolophu.

Owayesakuba ngusodolophu wale dolophu ngaphambili, uLamla Jiyose, ukhe wayimemelela ukuba kubhalwe incwadi ngebali ledolophu yaseNgcobo.

“Injongo ephambili ngesi siza kukuba sitsale abatyeleli ukuba bangene eNgcobo, ukunika imbeko kwaba balwela inkululeko, nokugcinwa kwembali yedolophu yaseNgcobo, sasijonge apho ukwenza kwethu eli phulo,” utsho uJiyose.

Othethe egameni lesebe lemidlalo nenkcubeko eMpuma Koloni, uAndile Nduna, uthi zikhona iingxaki ezibangela ukulibaziseka kokuvulwa kweli ziko.

“Ingxaki yokuvulwa kweli ziko ixhomekeke ngokumandla kwisivumelwano kwezi ntsapho zichaphazelekayo, imibutho eyahlukeneyo kunye ne-ofisi kamongameli, kuba abanye kubo bafuna ukuba lo msebenzi wenziwe ngumongameli uJacob Zuma,” ucacise watsho uNduna.

Eli phulo liqale ngonyaka ka2014, ngoko laliquka nequla lokudada laza lagqitywa ekuqaleni kwalo nyaka ka2017.