Izakubamba inkomfa yokuqala yeSikolo seeLwimi noNcwadi iYunivesithi iRhodes

ISIKOLO seeLwimi
noNcwadi kwiYunivesithi iRhodes siza kube sibambe inkomfa yaso yokuqala yezidanga eziza emva
kwesokuqala (postgraduate) nge-14 ku-Oktobha.

Imixholo eza kube
ishukuxwa kule nkomfa iquka le ilandelayo: Ukungabikho kweetoliki zolwimi lezandla ezinkundleni (
The exclusion of sign language
speakers in the criminal justice system): 

Ukusetyenziswa kweetoliki zolwimi lezandla kulo matyala athile, (A case based approach): 

Unxibelelwano kumaziko athile ezempilo eMpuma Koloni, anika inkonzo yokuqhomfa, (Communication
in selected Eastern Cape public healthcare facilities offering termination of
pregnancy services): 

Imiceli mngeni yonxibelelwano phakathi kweentlanga, (Inter/intracultural implication): 

Kwimbono ezingumzekeliso kwabasetyhini, phantsi kwenkcubeko yamaYoruba kweli le Afrika, (The proverbial perception
of the African woman in Yoruba culture): 

Yintoni engacinywa, nekungafanele ukuba icinywe (What can be deleted and what cannot): Isifundo esithelekisa ngesiTshayina kunye nesiXhosa, (A comparative study in Chinese and isiXhosa), neminye.

Le nkomfa ixhaswe
ngokwemali nguSihlalo weNRF SARChI: Uphuhliso lweeLwimi zesiNtu,
Iilwimi-ngeelwimi neMfundo. Onke amasebe esi sikolo, kuquka iSebe leFrench,
iClassics, iChinese, iiLwimi zesiNtu namanye aza kuthatha inxaxheba kule
nkomfa. 

Abafundi abasusela kwinqanaba leeMasters ukuyokuthi ga kwiPostDoc baza
kube benika iingxelo ngophando lwabo yaye kuza kube kubekwe neencwwadi ezintsha
ezibhalwe ngabanye baba bafundi.

Kungoku nje, kwenziwa
iinzame zokuba le nkomfa irekhodwe ngoku yenzekayo ukuze ifumaneke kuSkype
nalapho ubani anokwazi ukubuza imibuzo okanye afake ezakhe izimvo. Kuza kubakho
okuya phantsi kwempumlo neziselo. Ngeenkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelana
noMsindisi Sam
ku-m.sam@ru.ac.za.

Ixesha: 12h30-17h00

Indawo: Multimedia
Seminar Room (G03), New SoLL Building