Izidumbu ezitalatweni zaseMthatha

Isagcinwe kumzi wogcino-zidumbu eMthatha imizimba yabafana ababini abebephila ngokuhlala kwizitalato zaseMthatha.

Ababafana bayinxakenye yabantwana abahlanu abasweleke kwinto ekukrokrelwa njengokutya ukutya okunetyhefu kwiveki ezintathu ezidlulileyo.

Kamva bafunyanwa bequngquluze kwizitalato ezahlukeneyo kwisithuba esiziyure ezingamashumi amabini anesine.

UBishop Tshepo Macheaea webandla laseMthini elikhathalela abantwana abalinganisekwa kumakhulu amabini abahlala ezitalatweni eMthatha uthi nabani onolwazi ngamakhaya abantwana makanxibelelane nabo.

“Singavuya ukufumana umkhondo ngezihlobo nezalamane zabantwana. Omnye waziwa ngegama likaJabulani osuka eMt frere ukanti omnye kuvakala ukuba ngowase Ross eMthatha. Asirhaleli ukuba lemizimba iphelele emkhenkceni, silibandla laseMthini siyazama ukukhangela izihlobo” kutsho Machaea. UMachaea

ukwacele abantu babakhathalele ababantwana kuba abanye bahlala ezitalatweni ngenxa yemeko embi kumakhaya abazalwa kuwo.

UAyanda Ntlalombi waseTombo eSajonisi obehlala namaxhoba ezitalatweni uthi abanalwazi ngamakhaya amaxhoba.

UNtlalombi uthe, “Asibuzani indawo zethu ngenxa yemeko ezahlukeneyo kwaye asithenjwa ngabantu, xa sicocekile kuthiwa singotsotsi nangona singazibandakanyi nolwaphulo mthetho kunyanzele sihlale simdaka ukuze sisizeleke sincedwe ngabantu.” Abathathu baba bantwana uSiwakhe Nongwe waseDumasi eNgqeleni, uXolile Ngcayi,

waseBuntingville, kwakunye noThembinkosi Mbhem waseNgcobo sele befanisiwe, abanye babo bazokungcwatywa kule mpelaveki. Benzelwe inkonzo edibeneyo yokubakhumbula libandla laseMthini ngolwesihlanu weveki ephelileyo. Urhulumente weMpuma Koloni kunye nomasipala weOR Tambo bafake isandla kumalungiselelo omngcwabo.