Izikolo ezinekhorona eMpuma Koloni!

Ingxelo engaqinisekiswanga nephuma kwimibutho yootitshala equka iNaptosa, ithi zizikolo ezingamashumi amane ezinabafundi, ootitshala kunye nabasebenzi abachatshazelwe sisifo sekhorona eMpuma Koloni.

ULoyiso Mbinda weNAPTOSA eMpuma Koloni, uthi abakwazi kuliqinisekisa eli nani ngenxa yeengxaki abadibana nazo. “Akukho ndlela iqingqiweyo okanye elawulwayo ezichazwa kuyo ezi zikolo, yenzeka nje ngaphandle kolawulo yonke le nto, lingaphezu koku eli nani,” kutsho uMbinda.

Oku kuvela emva kokukhula kwamanani wezikolo ezinyanzeleke ukuba zivale iingcango kwanezo zinamanani akhulayo abantwana nabasebenzi abosulelwe yikhorona.

“Kukho izikolo ezingamashumi amane anesibhozo ezisaphandwa iimpawu zekhorona, lo nto ithetha ukuba liza kuphindaphindana eli nani kungekudala,” kutsho uMbinda.

Kuthwa zilishumi elinesixhenxe izikolo ezichatshazelwe yikhorona kuMasipala weSithili saseBCM. UMasipala weSithili saseChris Hani nowaseAlfred Nzo banezikolo, abafundi nootitshala abosulelwe yikhorona.

UMongameli weNAPTOSA kuzwelonke, uNkosiphendule Ntantala, uthi makuthathwe amanyathelo angxamisekileyo.

“Kumele ukuba kwenziwe icebo lokuvala izikhewu zaba titshala bagulayo, kwenziwe uphando ngesikolo ngasinye, ibe ziziphumo zolo phando ezibangela ukuvalwa kwezikolo ezo,” kutsho uNtantala.

Zininzi izikolo, ootitshala nabafundi abachatshazelwe sisifo sekhorona eMpuma Koloni, kodwa akukabikho ngxelomanani iqinisekisiweyo malunga noku. “Ingxaki akuyazi nokuba aba bangena esikolweni nesifo, besuka naso ngaphandle, kuba izikolo bezicociwe uninzi lwazo phambi kokuba kungenwe.

Ukusukela ngomhla wesibhozo kweyeSilimela, izikolo zivulwe kuzwelonke nangona bekukho isankxwe ebesimemelela ukuba zingavulwa ngenxa yokoyikisela abantwana kwikhorona.

Umbutho iOne SA Movement kaMmusi Maimane, usezinkundleni unyanzelisa ukuba urhulumente woMzantsi Afrika avale izikolo. Isikolo samabanga aphantsi kwaWadi 5 eMalahleni sivalwe ngokungxama emva kokuba inqununu ifunyaniswe ukuba yambethwe sisifo sekhorona.

Utitshalakazi ongavumanga negama lakhe uthe inqununu ibizimase umngcwabo eKapa, yabuya ineempawu, yenza uvavanyo.

Isikolo samantombazana eCofimvaba, iSt James, ivaliwe emva kokuba abafundi abathandathu befunyenwe ukuba banesifo sekhorona.

Ukanti kwisikolo samabanga aphakamileyo kwaBhaca iMakaula, ngabafundi abangaphaya kwamakhulu amabini abosulelwe sisifo sekhorona.

Ekuqaleni kwale veki, umbutho weSADTU umemelele ukuba zivalwe izikolo ingakumbi ezo zichatshazelwe sisifo sekhorona. UChris Mdingi weSADTU uthi abajiki kolo luvo.

ULoyiso Pulumani wesebe lezeMfundo eMpuma Koloni uphendule wathi:

“Siza kubamba indibano neSADTU sixoxe zonke iingxaki ezibangela iyantlukwano ngeli xesha.”

Uthi iSADTU njengayo yonke eminye imibutho yootitshala ibiyinxalenye yeengxoxo ezikhokelele kwezi zigqibo.