Izimvo zabafundi ngomba kaDalindyebo

I’solezwe lesiXhosa linike ithuba abafundi beli phepha, ekubeni baphefumle kumaqonga ethu onxibelelwano ngokungeniswa esibhedlele kwekumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo.

Mgcina Siroro: Licebo elihle elo Kumkani Buyelekhaya Dalindyebo

Mzi KaTyhopho Dawana: Ndingagula mna kuqala wawulibona phi inyala lobanjwa kwekumkani yonke.

Lundi Mnune Khova: Ewe kona akuvamanga ukuva ngekumkani isejele, kodwa ke umthetho udlale indima yawo. wonke ubani othe watyeshela ingalo yomthetho kufanele ukuba afumaneke enetyala aye emjiva. kwesi sihlandlo ukumkani njengegama lakhe itsho Buyelekhaya uzakubuya ungaphelan…

Isaac Chomo Fola: Mayinikwe ingqawule nayo ikumkani njengabanye abayinikwayo ngaphambili bakugula.

Bulelaninono Bulelani John Maduka: Lo nto azibanjwa ezinye inkosi, nditsho le yakwazulu yapaka impi!

Simpra Sukude Khondwana: Noba angafela khona imbi le nto wayenzayo ebantwini kodwa ezibiza ngokuthi yikumkani andinaxesha lakhe kakubi wakhe wayibona phi ikumkani etshaya intsangu kanti lonk’ elo xesha iphilile yifa njandini.

Sihle Kamthembu Mvundlela: Liqhinga lophuma, ufane wazigulisa makangqibe isigwebo sakhe.

Philani Pitla Landu: Oosaziwayo basoloko begula bakubanjwa…. uFebruwari uzobetha esekhayeni.

Nxuba Gaduka Zuks Deliwe: Nayo ikufanele ukunikwa ingqawule. Xa impilo yayo ingantlanga njengesininzi