Iziyalo zomlindo

Umlindo yinkqubo eyavezwa ngamaKristu amaXhosa ekuguqukeni kwendlela yokungcwaba. Umntu kwakufudula engcwatywa zingadlulanga iintsuku ezimbini efile, ngoku kuthatha iiveki ngaphambi kokuba kungcwatywe.

Urhulumente wenza noqhaqho-sidumbu phambi kokuba abe nokusikhululela kubaniniso basingcwabe.

Okunye kukuba kule mihla usapho luthe saa apha elizweni luxelengela inyama, nto leyo ifunisa ukuba lubuye kwezo ndawo zikude ukuza kungcwaba. Kukwakho nobunewu-newu obenziwayo xa kungcwatywa kule mihla, nto leyo ikwafuna awayo amalungiselelo.

Abantu abasuka kwiindawo ezikude bafika kwangosuku olungaphambi kolomngcwabo, bazokulalela kumzi lowo ungcwabayo.

Ayibikho ke indawo yokulalisa inginginya nezihlwele ezithi zizokulalisa emzini lowo. Kulapho amaKristu athi eza nendlela elula yokugcina loo nginginya ebusuku, ngokuthi benze inkonzo kushunyayelwe iLizwi ubusuku bonke.

Oku kube luncedo ukuba kungabikho nkxalabo nankxamleko yakufunelwa kwabo bantu iindawo zokulala, ebinokufuna kusetyenziswe nemizi yabamelwane.

Inkqubo yomlindo ivuleleka kumntu wonke okhoyo, okhonzayo nongakhonziyo, abamelwane, izalamane nosapho ngokubanzi.

Iba yinkqubo yenkonzo ethi iqhutywe ngobambiswano phakathi kwabo bonke ababandakanyekayo. Nabanxilileyo abahlaliswa phantsi xa bethe bema eqongeni ukuba bathethe, bayanyanyezelwa beteketa benjalo.

Ukuvuleleka kwale nkqubo kwenze ukuba isebenze imisebenzi emininzi eluntwini lwakowethu ngaphandle kwalowo weLizwi ukhangeleka ingowona uphambili.

Nanjengoko inkqubo yokungcwaba yale mihla izala zizithethi, asimntu wonke ke othi alifumane ixesha lokuthetha emngcwabeni.

Umntu esiXhoseni kuthiwa akanconywa esiva, kwakwenziwa njalo uyageza; noxakileyo akababazwa esiva kuba wosuka abhanxeke nangakumbi.

Akufa ke kulapho abantu bathi bafumane ithuba lokuthetha ngaye, bancome bagxeke, benyeke nokufundisa abasaseleyo ngezinto ezo bazithethayo.

Xa iza kuqala inkqubo yomlindo kubizwa ikhaya lonke ukuba iqalelwe kulo, kuvuswe nabaleleyo. Kuba kulo ke ukuba luthi ekuhambeni kwethuba lumane luzimela nganye nangambini ukubuyela emisebenzini yalo yolungiselelo.

Uluntu olungenanto yakwenza neLizwi inkqubo yomlindo luyisebenzisela ukuthetha nosapho olo lufelweyo. Xa umamele ungaphandle, uve amaXhosa ethetha emlindweni, awungetsho ukuba kusecaweni apho.

Abantu abathetha nosapho bathetha ngathi basenkundleni okanye entlanganisweni, basityeshele tu isimbo sasecaweni sokuthetha ngathi wonganyelwe lubefu, bathethe ngokukhululekileyo nangegunya nangokungqalileyo.

Andisimntu uzithandayo ke mna iimbutho zasebusuku, imvuselelo yasebusuku andiyigqibi.

Kodwa ukumamela abantu bemveli bethetha emlindweni, iba yeyona nto ndiyonwabelayo. Ndiye ndimamele ngobuchule ndizithathela kumazwi obulumko anikwa mahala.

Umlindo endigqibele ukuya kuwo nezisankenteza unangoku iintetha zawo ngowasebukhweni. Apho uluntu lwakowethu lwathetha lophela ngendlela emangalisayo, libhekisa kumkhwe wam ngokufa kukanina.

Umkhwe wam, inkulu kabawo uSikhumbagadalala, wayalwa emlindweni yangathi kulaa mhla waphuma esuthwini.

Zonke iimbali zekhaya nezinto ezazisenziwa nguyise owabhubha kwiminyaka emininzi eyadlulayo nebezisenziwa ngunina obefihlwa, nebezisenziwa nguye ekukhuleni kude kube lelo lixa kwakuthethwa ngalo, zathathwa zafunjwa apha, zachutywa ubunkozo.

Uluntu belubolekisana ukuthulula amazwi obulumko nawoluleko phezu kwentloko yalo mfo. Ikhaya nomzi zayalezwa kuye kangangoko; nabamelwane benza njalo ukuziyaleza ukuba kungathi kanti abakuphinda bangene kulowo mzi njengokuba bengasekho bobabini nje abaninimzi.

Apho ndive namagama akhe okukhula endingazange ndaweva. Umkhwekazi wam naye khange aswaywe kwiziyalo, njengomolokazana omkhulu.

Iziyalo zomlindo azinganganto ukulunga. Ziyimvuselelo emnandi yokuchutywa kwamava obomi.

Njengokuba yanqabayo nje imbadu, imilindo kwelakuthi ithathe indawo, uluntu lusebenzisa naliphi na iqonga ukufeza okwalo. Goba msenge iibhokhwe zikudle.

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.