Jaji Maya: Enkosi ngokufunqula isiXhosa!

“Judgement delivered ngesiXhosa nangesiNgesi.” Eso sisihloko sebali elipapashwe liphephandaba laseKapa, iCape Times, ngomhla wesibini kwinyanga yeKhala.

Ngoko nangoko, kwabamnandi entliziyweni yam ngoba isiXhosa sanikwa indawo esifaneleyo yenye yeentsika zedemokrasi kweli lizwe elizijongela phantsi iilwimi zabantu abamnyama.

Ibali belingesigwebo esiwiswe nguJaji uMandisa Maya kwiNkundla ePhakamileyo yeziBheno kwimbambano ebiphakathi kweAfriForum neUnisa (iziko lemfundo ephakamileyo) ngolwimi lweAfrikaans.

Kwiminyaka emine edlulileyo, iUnisa yathatha isigqibo sokuguzula iAfrikaans, yashiya isiNgesi njengelona lwimi ekuza kusetyenziswa lona xa kufundiswa abafundi.

Abantu abathetha iAfrikaans zange bayamkela lo nto. Yiyo lo nto bagqiba kwelokuba babhenele enkundleni.

Mandime ngokwenziwe yiAfriForum ndithethe ngomsebenzi omkhulu nobalulekileyo owenziwe yiJaji yenkundla ephakamileyo.

Isigqibo sikaJaji Maya sokuwisa isigwebo ngesiNgesi yinto eqhelekileyo – kodwa ukukhupha isigwebo ngesiXhosa yimbali engasoze ilityalwe eMzantsi Afrika futhi yinto efuna ukuqhwatyelwa.

Ukubhala kwakhe isigwebo ngesiXhosa kuqinisa iinzame zamatshantliziyo alwela ukufunqulwa kweelwimi zethu bantu abamnyama. UJaji Maya wenze umsebenzi obalulekileyo ngethuba kukho isitshingitshane “samagqobhoka” afuna kubekwe isiNgesi phambili nangona ilelona lwimi elikhuselweyo eMzantsi Afrika emva kokunyanzelwa ebantwini abamnyama ngeentsuku zengcinezelo. Ndiyithandile indlela isigwebo esibhalwe ngayo: kusetyenziswe isiXhosa esicacileyo futhi esilula kakhulu.

Ukusetyenziswa kweelwimi zabantu abamnyama kunomda ezinkundleni zaseMzantsi Afrika. Lo nto ithetha ukuthi zange kubekho nguqu kwicala leelwimi emva kuka1994 ngoba isilungu iye yasesona sisetyenziswa kakhulu nangona ingelolwimi labantu abaninzi eMzantsi Afrika.

Eyona nto endivuyisayo kakhulu ngokwenziwe nguJaji Maya kukuba kuyabonisa okokuba isiXhosa singasetyenziswa nakweliphi na inqanaba kwaye intetho yamagqobhoka ethi: “Ungenza ntoni ngesiXhosa”, yingcingane eyingozi kodwa eyaphelelwa lixesha ebantwini abayaziyo le nto kuthiwa yinkululeko epheleleyo yokuphila.

IsiXhosa sithethwa ngabantu abaphakathi kwezigidi ezisibhozo kweli lizwe kodwa aside sifumane indawo yaso.

Phofu ayisiso sodwa, nezinye iilwimi zabantu abamnyama zitsala nzima. Ukusetyenziswa kweelwimi zethu kakhulu ziiNkundla, nguRhulumente (kuzo zonke izigaba) nangamaqumrhu azimeleyo – yinto ekwakumele yeenziwa ngo’94 ukuze kufunqulwe umgangatho wazo.

Ukusetyenziswa kweelwimi kudala amathuba emisebenzi. Ngeke ibonakale lo nto ebantwini abaninzi ngoba bavalwe amehlo sisiNgesi esifanayo nje nezinye iilwimi ezikhoyo.

Abantu abamnyama bachitha izigidi zeerandi ebantwaneni abafuna bathethe isiNgesi ngenxa yengcingane ethi: “Kufuneka wazi isiNgesi ukuze ubonakale njengomntu okrelekrele”. Ngelishwa, yimfundiso leyo eyasenza izidenge singaqondanga. Uqoqosho lufuna abantu abanolwazi nezakhono. Ezo zinto azikhabani nalo naluphi na ulwimi emhlabeni. Thina samkela ukwenziwa oopokobhana ngabantu abalawula uqoqosho abangenawo nomncinci umdla ebantwini abamnyama ngaphandle kwamandla wabo.

Ngaphezulu kwezinto zonke, ukusetyenziswa kweelwimi zethu ezinkundleni kunokwenza umahluko omkhulu ngoba kungenza umsebenzi wazo (iiNkundla) ubelula futhi ugqibelelise nenkqubo yobulungisa kweli lizwe.

Ndazi kakuhle okokuba iitoliki ezinkundleni zethu ziyazama ukuncedisa abamangalelwa, abetshutshisi neejaji – kodwa ukuba abantu bangafumana ithuba lokuzithethela ngqo, kungancipha ukulahleka kweenkcukacha xa kuxoxwa amatyala.

Ukusetyenziswa kolwimi lomntu ngamnye kugqibelelisa ubuyena umntu. Inkululeko yabantu abamnyama iya kugqibelela mhla kwaze kwahlonitshwa inkcubeko yabo emakhaya, kwiindawo zoshishino nakwaRhulumente.

Ndizama ukuthi indlela abadalwe ngayo abantu akufanelanga isuswe kubo elizweni elikhululekileyo.

Ukusetyenziswa kwesiXhosa yijaji yinto enkulu ngoba inqabile futhi kungakuhle ukuba nezinye zingenza njalo kwiindawo ezisebenza kuzo.

Abantu abamnyama batyaphe bacinge ukokuba kuthiwa isiNgesi masingasetyenziswa ke xa uthetha ngeelwimi zabo ngoba baqhathwa kwathiwa azinamsebenzi.

Naluphi ulwimi kufuneka lusetyenziswe ukuze lube namandla.

Ndifuna ukubulela umsebenzi omhle owenziwe nguJaji Maya owongula inkungu emehlweni wabantu abaninzi. Nokuba umntu ufunde kangakanani, ukusebenzisa ulwimi lwakhe akumthobi isidima. IsiNgesi neAfrikaans ziilwimi ezisetyenziswayo kushishino, kwaRhulumente nakwezemfundo. Umbuzo: Kutheni ezabantu abamnyama zingasetyenziswa? Yonke into ixhomekeke kuthi. Asinakusithela ngabantu abamhlophe ngoba bona basibonisa indlela kwezabo – kodwa thina asifuni ukuyihamba ngoba sifuna ukufana nokuvakala njengabo.