Konzakele abalithoba kwiteksi

EKAPA: AMAPOLISA aphanda ityala lokuqhuba kakubi emva kokuba kwenzakele abantu abalithoba xa bekungquzulana iteksi nesinye isithuthi eSpine Road eStrandfontein kule veki.

Ngokwamangqina, le teksi ibibaleka ngesantya esiphezulu kwaye isendleleni engenalungelo lokuhamba kuyo ikhawulela iimoto.

UNoludwe Ngozi uthe bothuswe sisithonga sokungquzulana besezindlwini zabo. “Siye saphuma saza kukroba. Sifike iteksi itshayise iVW Golf ebomvu yayishiya umphambili uphelile,” utshilo.

UPhaphama Ngomana uthe unoteksi wehlikile wabaleka eshiya abakhweli bemangalisekile.

“Umqhubi weGolf kuye kwanyanzeleka ukuba kusikwe imoto ukuze aphume. Andikayazi nangoku ukuba usinde njani. Kwaye nabo bantu bebekulo teksi babenethamsanqa. Nabo bebengakholelwa ukuhlangulwa kwabo,” utshilo.

Isithethi samapolisa uNoloyiso Rwexana uthe: “Ityala lokuqhuba ngokungakhathali liyaphandwa. Akukabanjwa mntu.”