Kubanjwe ababela abangasekhoyo eNyobeni

KUBANJWE abarhanelwa abaphakathi kwe16 nama21 eminyaka ubudala ekurhaneleka ukuba babandakanyeka ekwebeleni imizimba engasekhoyo kwindawo yentselo Enyobeni, kwilokishi yaseScenary Park eMonti.

Ukubanjwa kwabarhanelwa ziziphumo zophando olwaqhutywa emva kokubikwa kweshwangusha lokubhubha kwaba bantwana bangama21 kule ndawo yaseNyobeni kwilokishi yaseScenary Park ekuzeni kusa ngowe26 kweyeSilimela.

Isizekabani sokubhubha kwamaxhoba asikaziwa nanjengoko kusalindwe iziphumo zophando.

Abaphandi beli tyala balandele umkhondo okhokelele ekubanjweni kwaba barhanelwa ekurhaneleka ukuba ngabo abeba izinto kwizidumbu eNyobeni.

“Abathathu kwaba barhanelwa babanjwe ngoLwesine we21 kule yeKhala 2022, ngelixa omnye kubo, oseneminyaka eyi-16 kuphela ubudala ebanjwe ngoLwesihlanu wama22 kumakhaya abo eScenary Park. Lo uneminyaka eli16 unikezelwe ebazalini ngenxa yomthetho woBulungisa eBantwaneni othi abo baselula ngokweminyaka abanakuvalelwa eziseleni,” kuxela uBrigadier Tembinkosi Kinana ongumlomo wamapolisa.

Iimpahla ezibiweyo nezifunyenweyo ziquka izihlangu, iwotshi, iinwele ezinxitywayo (weaves) neempahla zokunxiba zabantwana ababhubha ngalo mhla welishwa.

“Ezinye kwezi mpahla zibiweyo zaziwe ziintsapho ngelixa ezinye zingekafaniswa. Zifunyenwe kumakhaya abarhanelwa.

“Kuvulwe uphando ngetyala lokuba, ukufunyanwa nempahla ebiweyo kwanokuxaba endleleni yobulungisa,” kutsho uKinana.

UKinana uthi ukubanjwa kwaba barhanelwa akoyamananga nokubhubha kwaba bantwana bangama21, nanjengoko kungekho bungqina bokubandakanyeka kwabo okwangoku.

“Uphando lokufumanisa unobangela wokubhubha kwaba bantwana lusaqhuba. Ngexesha elifanelekileyo, iintsapho ezibandakanyekayo zakwaziswa,” kongeza uKinana.

Esi sine kulindeleke sivele kwiNkundla kaMantyi eMonti ngoMvulo wama25 kweyeKhala 2022.